Isikhokelo semisebenzi nesalathiso seencwadi ezikugcino lweSebe leziNdlu leSizwe
Amalungelo obunini: ISebe leziNdlu leSizwe
OKUQULATHIWEYO
Indima, imiqathango nentsingiselo yamagama aphathelele kulo mThetho [IsaHluko 1 Intsingiselo yamagama nokutolikwa kwawo]
Intshayelelo
IsiKhokelo seKhomishoni yamaLungelo oLuntu sendlela yokusetyenziswa komThetho iCandelo 141c
IsiKhokelo seSebe leziNdlu leSizwe
IGosa leNgcaciso, amaSekela eGosa leNgcaciso iCandelo 14 (b)
Ubume nemisebenzi yeSebe leziNdlu leSizwe iCandelo 141f
Ubume beSebe leziNdlu leSizwe
Imisebenzi yeSebe leziNdlu leSizwe
Umbono nomsebenzi ongundoqo weSebe leziNdlu leSizwe
Indima nemisebenzi yeSebe leziNdlu leSizwe
Iinkonzo zeSebe leziNdlu leSizwe ezifumaneka kuluntu iCandelo 14 (f)
Ubume beenkonzo
Indlela yokufikelela kwiinkonzo
Izicwangciso / Izibonelelo ezivumela umntu ukuba abandakanyeke ekuqulunqweni komgaqo-nkqubo kunye / okanye ekusetyenzisweni kwamagunya eSebe leziNdlu leSizwe iCandelo 14 (g)
Iincwadi zeSebe leziNdlu leSizwe iCandelo 141d-e
Uvalo lweencwadi oluzenzekelayo iCandelo 141e iCandelo 152
Iindidi zeencwadi ezifumanekayo ezinokuhlolwa ngokwemiqathango yeminye imithetho
Iindidi zeencwadi ezifumanekayo ezinokucelwa ngokomThetho wokuKhuthazwa ukuFikelela kuLwazi iCandelo 141d
Imigaqo yokwenziwa kwesicelo
Amanyathelo aya kuthatyathwa ngumenzi-sicelo
Imali ebekiweyo (amaQumrhu kaWonke wonke)
Izizathu ezinokubangela ukwaliwa kokukhutshwa kweencwadi [isaHluko 4 somThetho]
Amancedo afumanekayo ukuphikisana nezigqibo zeGosa leNgcaciso iCandelo 141h
IziBheno zangaPhakathi nezicelo ezibhekiswa kwiNkundla yamatyala [amaCandelo 74-82]
INkqubo yesiBheno sangaPhakathi [74-77]
Isicelo esibhekiswa kwiNkundla yamatyala [78-82]
IziKhalazo ezibhekiswa kuMkhuseli woLuntu [iCandelo 91]
Enye ingcaciso esekelwe kwimiqathango yomThetho
Ukuhlaziywa kwesiKhokelo iCandelo 142
Ukufumaneka kwesiKhokelo noLwimi lwesiKhokelo iCandelo 14 nelesi-3
uLwimi
Ukufumaneka
Isicelo esibhekiswa kumPhathiswa wezobuLungisa noPhuhliso lomGaqo-siseko sokuqulunqwa kwesiKhokelo iCandelo 14 
Ukukhululwa okwenziwa ngumPhathiswa wezoBulungisa noPhuhliso lomGaqo-siseko iCandelo 14 
Izalathiso nemibulelo
Isihlomelo A: ISebe leziNdlu leSizwe (iQumrhu likaWonke wonke): iFom yesiCelo sokuFikelela kwiNkcazelo esencwadini yomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi 25
Isihlomelo B: ISebe leziNdlu leSizwe: IFom yesaziso sesiBheno sangaPhakathi yomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi 25
Indima, imiqathango nentsingiselo yamagama aphathelele kulo mThetho [isaHluko 1: Intsingiselo yamagama nokutolikwa kwawo]
Indima nemiqathango
Intsingiselo yamagama / inkcazelo
IGosa leNgcaciso
Ngokubhekiselele kwiSebe leziNdlu leSizwe, nguMlawuli-jikelele.
IGosa leNgcaciso leSebe leziNdlu leSizwe linakho ukunikezela kwiSekela leGosa leNgcaciso leli Sebe ngamagunya okanye ngomsebenzi onikezelwa okanye otyathiswe iGosa leNgcaciso ngulo mThetho.
Naluphi na unikezelo:
Kufuneka lubhalwe phantsi;
Alumaleli lowo unikezele ngegunya ekusebenziseni igunya elichaphazelekayo okanye ekwenzeni umsebenzi ngokwakhe; kwaye
Lusenokurhoxiswa nangaliphi na ixesha okanye lihlaziywe ngokubhalwe phantsi nguloo mntu ulinikezeleyo.
ISekela leGosa leNgcaciso / amaSekela eGosa leNgcaciso
UMlawuli-jikelele weSebe leziNdlu kufuneka anyule inani elifanelekileyo labantu njengamaSekela eGosa leNgcaciso ngenjongo yokwenza ukuba iSebe leziNdlu leSizwe libe nokufikeleleka kangangoko linakho kubenzi-zicelo zokufikelela kwinkcazelo esencwadini.
IGosa leNgcaciso leSebe leziNdlu leSizwe liya kuba nolawulo oluphangaleleyo kulo naliphi na iSekela leGosa leNgcaciso kweli Sebe.
Umenzi-sicelo weenkcukacha zomntu
Umenzi-sicelo ofuna ukufumana incwadi equlathe ingcaciso engeenkcukacha zomenzi-sicelo.
Ingcaciso engomntu' kuthethwa ingcaciso ephathelele kwiinkcukacha zomntu buqu, kuqukwa, kodwa kungaphelelwanga kuzo:
Ingcaciso ephathelele kubuhlanga, ubuni, isini, ukukhulelwa, imeko yomtshato, ubuzwe, isizwe okanye indawo akhulele kuyo, ibala, utyekelo ngokwesondo ubudala, ubume bomzimba okanye bengqondo, impilo, ukhubazeko, inkolo, isazela, inkolelo, inkcubeko, ulwimi nokuzalwa komntu;
Ingcaciso ephathelele kwimfundo, kunyango, kulwaphulomthetho okanye kwimbali yengqesho yomntu, okanye ingcaciso ephathelele ekusebenzeni ngemali akhe wabandakanya kuko umntu;
Naliphi na inani , umqondiso okanye inkcukacha eyalatha umntu;
Idilesi, umzila womnwe okanye udidi lwegazi lomntu;
Iingcamango zomntu, izimvo okanye akholwa kuko umntu ngaphandle kwaxa oko kungomntu ongomnye okanye kungesindululo sesibonelelo, isipho okanye ibhaso eliya kunikwa omnye umntu;
Imbalelwano ethunyelwe ngumntu ecace ekuhleni okanye engacacanga ekuhleni ukuba yeyangasese okanye iyindaba yakwamkhozi ngokobume bayo okanye enye imbalelwano ediza okuqulathwe yimbalelwano yokuqala;
Izimvo okanye iingcamango zomnye umntu ngomnye umntu;
Izimvo okanye iingcamango zomnye umntu ngesindululo sesibonelelo, isipho okanye ibhaso eliya kunikwa mntu uthile, kodwa kungaqukwa igama lomnye umntu apho livela kunye nezimbo okanye iingcamango zomnye umntu; kunye
Negama lomntu xa livela nezinye iinkcukacha ezingomntu lowo, okanye xa ukudizwa kwegama kuya kudiza ingcaciso ngomntu lowo kodwa kungaqukwa ingcaciso engomntu ominyaka ingaphaya kwama-20 wabhubhayo.
Umenzi-sicelo
Nawuphi na umntu owenza isicelo sokufumana incwadi yeSebe leziNdlu leSizwe; okanye
Loo maqumrhu karhulumente kuphela asebenzisa igunya loburhulumente okanye enza umsebenzi woburhulumente ngokwemiqathango yomthetho.
Umntu ongomnye (elinye iqela)
Ngokuphathelele kwisicelo sokufumana incwadi yeSebe leziNdlu leSizwe, umntu ongomnye/elinye iqela lithetha:
Nawuphi na umntu (kuqukwa kodwa kungaphelelanga apho, urhulumente welizwe langaphandle, umbutho wamazwe ngamazwe okanye isebe laloo rhulumente okanye laloo mbutho) ngaphandle:
Komenzi-sicelo ochaphazelekayo
NeSebe leziNdlu leSizwe kodwa ke ngokweenjongo zecandelo 34 lalo mThetho, ukubhekisa 'kumntu' kumhlathi (a) naku-(b) kufuneka kuthathwe njengokubhekisa 'kumntu uqobo'.
USomagunya ofanelekileyo
Ngokuphathelele kwiSebe leziNdlu leSizwe, uSomagunya ofanelekileyo uthetha umPhathiswa ojongene neSebe leziNdlu leSizwe okanye umntu obekwe ngokubhalwe phantsi nguloo mPhathiswa.
IKhomishoni yamaLungelo oLuntu
Ithetha iKhomishoni yamaLungelo oLuntu yoMzantsi-Afrika ekubhekiswa kuyo kwicandelo 181 (b) lomGaqo-siseko.
Irekhodi
Ngokuphathelele kwiSebe leziNdlu leSizwe, irekhodi lithetha nayiphi na ingcaciso ebhaliweyo:
kungajongwe didi okanye lwimi;
esezandleni okanye ephantsi kolawulo lwequmrhu likarhulumente nokuba yayisungulwe okanye yayingasungulwanga lelo qumrhu likarhulumente.
Iintsuku
Xa naliphi na inani leentsuku libalelwa ukwenziwa kwayo nayiphi na into okanye libalelwa nayiphi na injongo, usuku lokuqala aluyi kubalwa kanti usuku lokugqibela luya kubalwa, ngaphandle kokuba usuku lokugqibela lungeCawa okanye ngomhla oyi holide kawonkewonke, apho ixesha losuku lokuqala lingayi kubalwa, kwaye lingayi kubalwa ngazo zonke iiCawa okanye iiholide zikawonkewonke" UmThetho woToliko umThetho onguNo. 33 wowe-1957. ICandelo 4 "Ukubalwa kwenani leentsuku"
Iintsuku zokusebenza
Kuthethwa naluphi na usuku ngaphandle komGqibelo, iCawa nosuku oluyiholide kawonkewonke njengoko kuchaziwe kwicandelo 1 lomThetho weeHolide zikaWonkewonke, 1994 (umThetho onguNo. 36 we-1994).
Intshayelelo
ekubhekiswa kuwo kolu xwebhu njengomThetho uqale ukusebenza ngomhla we-9 kweyoKwindla 2001, kwaye ugxininisa ukubaluleka kokufikeleleka kolwazi kwilizwe elivulelekileyo, lentando yesininzi nelenzela izinto ekuhleni. Lo mThetho ugxininisa igunya lecandelo 32 lomQulu wamaLungelo womGaqo-siseko kwaye kufanele ukuba utolikwe njengomthetho ofezekisa ilungelo lomgaqo-siseko. Eli lungelo lichaza lithi:
Ukufikelela kulwazi
 Wonke ubani unelungelo lokufikelela -
a kulo naluphi na ulwazi olusezandleni zikarhulumente;
b nakulo naluphi na ulwazi olusezandleni zomnye umntu olufunelwa ukuze lusetyenziselwe nawaphi na amalungelo.
Kufuneka kwenziwe umthetho wesizwe oya kuthi ufezekise eli lungelo, kanjalo ube nokubonelela ngamanyathelo afanelekileyo ukuphungula umthwalo wezolawulo nowezemali kurhulumente.
Ngoko ke, iinjongo zomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi, zezi:
ukufezekisa ilungelo lomgaqo-siseko lokufikelela kulo naluphi na ulwazi njengoko kuchaziwe ngasentla;
ukumisela izithintelo ezivumelekileyo kwilungelo lokufikelela kulwazi, zithintelo ezo zijolise ekukhuseleni isidima sabantu, ulwazi oluyimfihlelo lwezorhwebo nokuqinisekisa ngolawulo olululo, olusulungekileyo nolufanelekileyo;
ukulungelelanisa ilungelo lokufikelela kulwazi ngokubhekiselele kwamanye amalungelo akumgaqo-siseko;
ukukhuthaza isithethe samalungelo oluntu nokuhlalisana ngobulungisa;
ukumisela iindlela nemigaqo eya kwenza ukuba abantu babe nakho ukufikelela kulwazi olusezincwadini ngokukhawuleza, ngokungenazindleko nangokungenabunzima kangangoko kunokwenzeka;
ukukhuthaza ukwenzelwa kwezinto ekuhleni, uniko-ngxelo nolawulo olusulungekileyo;
ukuxhobisa nokufundisa abantu:
babe nokuwazi amalungelo abo ngokwemiqathango yomThetho;
babe nokuyazi imisebenzi nendlela asebenza ngayo amaqumrhu karhulumente babe nokuphonononga nokuthabatha inxaxheba ngokufanelekileyo ekuthathweni kwezigqibo ngamaqumrhu karhulumente achaphazela amalungelo abo.
Lo mThetho uphelisa nayiphi na imithetho okanye imimiselo ethintela ukufikelela kwiincwadi eziqulathe ulwazi, ngaphandle kwezi meko zilandelayo (iCandelo 5, 6, 12):
umThetho 107 wowe-1998, umThetho woLawulo lweNdalo weSizwe, 1998, iCandelo 311 nelama-312;
Zonke iincwadi zeKhabhinethi (isiGqeba soLawulo) neekomiti zayo, imisebenzi yeenkundla zamatyala, iinkundla ezizodwa okanye igosa lezobulungisa okanye ilungu lePalamente okanye leNdlu yoWiso-mthetho.
IsiKhokelo seKhomishoni yamaLungelo oLuntu sendlela yokusetyenziswa komThetho iCandelo 141c
Qaphela: Isikhokelo asithathi ndawo yomThetho kwaye kufuneka sifundwe kunye nomThetho nemiMiselo.
Luxanduva lweKhomishoni yamaLungelo oLuntu yoMzantsi-Afrika ukuqulunqa isikhokelo ngendlela elula enokufunwa ngumntu onqwenela ukusebenzisa naliphi na ilungelo elichatshazelwa ngumThetho.
Esi sikhokelo siya kufumaneka ngazo zonke iilwimi ezisemthethweni kwaye siya kufumaneka kwiKhomishoni yamaLungelo oLuntu yoMzantsi-Afrika ingaphelanga inyanga yeThupha (Agasti) 2003.
Nayiphi na imibuzo emayela nesi sikhokelo ingabhekiswa:
KwiKhomishoni yamaLungelo oLuntu yoMzantsi-Afrika
Inombolo yefowuni
Idilesi yemeyile
Idilesi yeposi
Idilesi yendlu
Isikhokelo seSebe leziNdlu leSizwe
Injongo yesi sikhokelo kukwazisa abantu ngendlela yokufikelela kwiincwadi eziqulathe ulwazi ezikugcino lweSebe leziNdlu leSizwe kwaye sifezekisa iCandelo 14 lalo mThetho.
Qaphela: Esi sikhokelo simele kuphela iSebe leziNdlu leSizwe kwaye asiquki ulwazi kunye okanye iincwadi zamasebe amaphondo ahlukeneyo.
IGosa leNgcaciso, amaSekela eGosa leNgcaciso iCandelo 141b
Ngokwemiqathango yalo mThetho, uMlawuli-jikelele weSebe leziNdlu leSizwe uliGosa leNgcaciso othi yena anikezele ngamagunya nangemisebenzi yakhe ngokuthi amisele aba abasebenzi balandelayo ukuba basebenze njengeGosa leNgcaciso nanjengamaSekela eGosa leNgcaciso ngokulandelelana kwawo:
AmaSekela eGosa leNgcaciso
Igqwetha (liseza kwaziswa)
Yonke imicimbi yomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi iya kuphathwa liziko lomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi.
Iinkcukacha zoqhagamshelwano zeZiko lomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi
Ifowuni
Iselula
Ifeksi
Imeyile
Idilesi yeposi
Idilesi yesitalato
Amaxesha omsebenzi
Amaxesha okuhlawula
Ubume nemisebenzi yeSebe leziNdlu leSizwe iCandelo 14 (f)
Ubume beSebe leziNdlu leSizwe
ISebe leziNdlu leSizwe
Imisebenzi yeSebe leziNdlu leSizwe
Umbono nomsebenzi ongundoqo weSebe leziNdlu leSizwe
Umbono
Isizwe esihlala kwindawo engatshitshiyo enezinto eziyimfuneko kwintlalo nakuqoqosho (uXwebhu lwesiCwangciso soLawulo, nangona lungekamkelwa)
Umsebenzi ongundoqo
Ukumisela nokuququzelela inkqubo engatshitshiyo ebonelela ngokufikelela ngokulinganayo nangokwaneleyo kwabantu bonke kwizindlu ngokuthi izindlu ezo zifikeleleke ngokwamaxabiso nangeenkonzo kwanokufikelela kwizinto zentlalo nezoqoqosho (uXwebhu lwesiCwangciso soLawulo, nangona lungekamkelwa)
Iinjongo
ISebe leziNdlu leSizwe lifuna ukuhlangabezana nezi njongo zilandelayo ukuze libe nokufezekisa umsebenzi walo ongundoqo: (uXwebhu lwesiCwangciso soLawulo, nangona lungekamkelwa).
Ukuphucula ukusulungeka kwenkonzo ngokupheleleyo ukuze sibe lisebe elitshintshileyo, elijolise kumsebenzi walo.
Ukuba nombono neenjongo zolawulo ezifanelekileyo ngawo onke amaxesha kwiimfanelo zopolitiko nakwimeko yeziNdlu.
Ukuba sibe lisebe elihamba phambili ekuxhobiseni abantu ngolwazi ngezindlu nangeendawo zokuhlala kwilizwe liphela nasekwenzeni ukufikelela kulwazi ngokukhawuleza nangokucacileyo ngawo onke amaxesha.
Indima nemisebenzi yeSebe leziNdlu leSizwe
Indima ephambili karhulumente wesizwe "kukuseka nokuququzelela inkqubo yophuhliso lweziNdlu ezingatshitshiyo" emva kokuba kudliwene iindlebe nabo bolithoba abaphathiswa bamaphondo abajongene nezindlu kunye nombutho wesizwe omele oomasipala (uManyano looRhulumente beeNgingqi boMzantsi-Afrika - iSALGA ngokwasesilungwini).
a Imisebenzi ebanzi echazwe kwiKhowudi yeziNdlu
Khona ukuze kube nokuququzelelwa kuze kusekwe inkqubo yesizwe yophuhliso lweziNdlu engatshitshiyo, urhulumente wesizwe, omelwe ngumPhathiswa weziNdlu, kufuneka enze imisebenzi emininzi ephambili. Le misebenzi yile ilandelayo:
umgaqo-nkqubo: umisela umgaqo-nkqubo wesizwe, kuqukwa neendlela ezamkelekileyo zokuziphatha kunye nemigangatho, ngokuphathelele kuphuhliso lweziNdlu;
Iinjongo: umisela iinjongo ezibanzi zesizwe zokunikezelwa kweziNdlu ebantwini; uququzelela ukumiselwa kweenjongo zamaphondo zokunikezelwa kweziNdlu ebantwini, ukuze xa kufanelekile, aququzelele ukumiselwa kweenjongo zoomasipala zokunikezelwa kweziNdlu ebantwini;
Ukujongwa komgangatho womsebenzi: Ujonga umgangatho womsebenzi wecandelo leziNdlu ukuba ingaba zinikezelwa ebantwini ngokweenjongo zeli sebe kusini na, abuye akhangele izalathisi zomsebenzi ngokusebenzisana nomPhathiswa wePhondo ngamnye;
Inkxaso yezakhono:
a Uncedisa amaphondo ukuba abe nokuphuhlisa izakhono zawo zolawulo;
b Uxhasa aqinise izakhono zoomasipala ukuze babe nakho ukulawula imicimbi yabo, ukusebenzisa amagunya abo nokwenza imisebenzi yabo ephathelele kuphuhliso lweziNdlu;
Udliwanondlebe: Ukhuthaza udliwanondlebe ngemiba ephathelele kuphuhliso lweziNdlu phakathi kukarhulumente wesizwe nemibutho yabahlali, amacandelo namacandelwana abonelela ngemveliso okanye axhasa ngemali impahla nemisebenzi yeziNdlu, oorhulumente bamaphondo, oomasipala naye nawuphi na umntu ochaphazelekayo kuphuhliso lweziNdlu;
Unxibelelwano: Uphakamisa unxibelelwano olufezekileyo ngokuphathelele kuphuhliso lweziNdlu."
b Imisebenzi:
Phezu kwemisebenzi ebanzi ekhankanywe ngasentla nasekuxhasweni kwayo, umPhathiswa weziNdlu kufuneka enze oku kulandelayo:
Amisele iziko lesizwe nomgaqo wokuxhaswa ngemali kophuhliso lweziNdlu;
Enze uthethathethwano ngokwabiwa kohlahlo-mali lukaRhulumente ngenjongo yokufezekisa uphuhliso lweziNdlu;
Anikezele ngemali eya kujongana neenkqubo zeziNdlu zikarhulumente wesizwe koorhulumente bamaphondo;
Ukulungiselela nokulondoloza isicwangciso sophuhliso lweziNdlu seminyaka ngeminyaka;
Ukumisela nokuxhasa ngemali amaziko esizwe ngenjongo yokuphuhlisa izindlu;
Ukuphonononga umsebenzi wecandelo leziNdlu aze
Athabathe amanyathelo afuneka ngokufanelekileyo ekwenzeni imeko efanele bonke abachaphazelekayo nabantu ngokubanzi ukuze kube nokufezekiswa iinjongo zabo ngokuphathelele kuphuhliso lweziNdlu.
Iinkonzo zeSebe leziNdlu leSizwe ezifumaneka kuluntu iCandelo 14 (f)
Ubume beenkonzo
Inkonzo ephambili elibonelela ngayo isebe kukuqulunqwa nokulondolozwa komgaqo-nkqubo nomthetho, zinto ezo zifuneka ngamandla ekuququzelelweni kwenkqubo engatshitshiyo yophuhliso lweziNdlu kwinqanaba lesizwe. Le njongo yiyo ekhokelele ekuwisweni komThetho weziNdlu, wowe-1997 (umThetho onguNo. 107 wowe-1997), ekuququzelelweni komgaqo weziko elijongene nalo msebenzi kwaneziCwangciso zeziNdlu zeSizwe ezinika imiyalelo nolawulo kuncedo lweziNdlu lukaRhulumente nakwiinkqubo zenkxaso. Isebe libuya liququzelele ukwabelwa kwamaphondo alithoba uhlahlo-mali lonyaka lweziNdlu. Ukwabelwa kwamaphondo kwenziwa ngenjongo yokuba abe nakho ukuqhubela phambili nokuxhasa ngemali iziCwangciso zeziNdlu zeSizwe kunye neziCwangciso zeziNdlu zamaPhondo ezihambelana nomGaqo-nkqubo weziNdlu weSizwe.
Uphuhliso lweziNdlu lwenzeka phantsi kolawulo olusulungekileyo nolucwangcisiweyo kwaye luphunyezwa ngoorhulumente bamaphondo noomasipala. Igunya lokuthathwa kwezigqibo ngokuphathelele kwiziCwangciso zeziNdlu zeSizwe likubaphathiswa abajongene nezindlu kubo bolithoba oorhulumente bamaphondo.
Oomasipala basenokwenza isicelo kubaphathiswa bamaphondo sokwamkeleka kwabo ukuba balawule iziCwangciso zeziNdlu zeSizwe, ukuze ukuba bathe baphumelela, babe negunya lokwenza izigqibo ngokuphathelele kwiziCwangciso zeziNdlu zeSizwe.
Ukongezelela kwindima edlalwa ngoorhulumente bamaphondo nangoomasipala ngokuphathelele kuphuhliso lweziNdlu, urhulumente umisele la maziko alandelayo kwinqanaba lesizwe ukuba aququzelele iimfuno ezikhankanyiweyo zeziNdlu kwaneemfuno zemarike eziphathelele kwizindlu:
INational Home Builders Registration Council (I-NHBRC): INHBRC ijongene nokhuselo lwabanini-zindlu ngokuthi ibonelele ngokhuselo lwewaranti ngokubhekiselele kumonakalo kwizindlu ezintsha. Ikwalawula ushishino lokwakha ngokuthi iququzelele ubhaliso lwabakhi kwi-NBHRC kwanokulawula iindlela ezamkelekileyo zokuziphatha nomgangatho wokwakhiwa kweziNdlu ngenjongo yokuphucula umgangatho weziNdlu ngokweminqweno yabanini-zindlu. Zonke izindlu eziza kwakhiwa kufuneka zibhaliswe kwi-NBHRC kwaye ibhunga lona liya kuthi libonelele ngeenkonzo ezithile kushishino lokwakha nakubanini-zindlu.
INURCHA yona ijongene nokubonelela ngesiqinisekiso senkxaso-mali sethuba elithile kubakhi, ngeziqinisekiso zenkxaso-mali kubanini-zindlu ngenjongo yokuncedana nabantu abamivuzo iphantsi ukuze babe nakho ukufikelela kudidi olubolekwa imali yokwakha kwaye ikwabonelela nangesibonelelo sokuphuhliswa kwezakhono kuluntu ukuze kube nokuququzelelwa uphuhliso loluntu. Eli ziko likwajongene nesikim solondolozo lwesizwe esincedisa abantu abamivuzo iphantsi ukuba babe nokulondolozela imali yenkxaso yeziNdlu.
Eli ziko lelokuphuhlisa imali ngenjongo yokubonelela ngemali-mboleko yeziNdlu ngendlela engatshitshiyo kubantu abamivuzo iphantsi. Kulo mba, i-NHFC ithembisa ngokuxhasa ngemali abalamleli ngenjongo yokukhuthaza ufikelelo olubanzi kwizindlu, ukwakha izakhono ezaneleyo nezingatshitshiyo kwimibutho eyixhasa ngemali, nokungenela kubambiswano ngenjongo yokusungula iindlela ezintsha zenkxaso-mali.
Iziko eli lijolise ekunikezeleni ngamatyala emali njengoko ibolekisa ngemali kumaziko akha izindlu angagungqiyo, kubabolekisi ngemali abangezizo iibhanki nakwiibhanki ukuba zincede amakhaya ahlelelekileyo. Likwabonelela kwakhona ngemali elinganayo likwenza oko ngesibonelelo sesakhono sokukhuliswa kwemali ngamaziko ezindlu namaziko angezizo iibhanki. Injongo yokuphuhliswa kwezakhono iqondakala kuncedo lwamaziko asakhasayo namatsha ukuze abe nakho ukuthabatha inxaxheba ngokuzeleyo kwimarike.
I-SHF ijolise kwinkxaso yemarike yamaziko ezindlu. Oku kufumaneka ngokubonelela ngoqeqesho, iingcebiso nangenkxaso yobuchwepheshe kumaziko ezindlu asakhasayo nasele ezimele. Ikwancedisa umPhathiswa ekuqulunqeni umgaqo-nkqubo ofanelekileyo kwanendlela yolawulo efanelekileyo ngokuphathelele kumcimbi weziNdlu. I-SHF ikwaququzelela ukufikelela kwisipho senkxaso-mali samaphulo ezindlu.
Eli ziko lasekwa njengenxalenye yephulo ekubanjisenwe ngalo ziibhanki norhulumente. Lasekelwa ukuba lijongane nemali-mboleko ethile nezinto ezisezandleni zeebhanki ngenxa yeemali-mboleko ezingahlawulekiyo kunye nokungemi kakuhle kwemarike yemali-mboleko yoMzantsi-Afrika obekukho ngowe-1994. ISERVCON incedisa ekuchongeni abantu abafumana uncedo abangahlawuliyo ize yenze nabo izicwangciso ezitsha zokuhlawula amatyala abo emali-mboleko okanye, xa imeko yemali inyanzelisa ngolunye uhlobo, iye ibakhuphele kwizindlu abaya kufikelela kwintlawulo yazo. Kwakweli phulo, iziko elahlukileyo lonikezelo lweenkonzo lasekwa kwaye laziwa ngokuba yiThubelitsha Home. Lona ke lizibophelele kulwakhiwo lweziNdlu ezibukhulu bufanelekileyo.
Indlela yokufikelela kwiinkonzo
Ukuze kube nokufikelelwa kwiinkonzo zeSebe leziNdlu leSizwe, kufuneka kufakwe izicelo kuMlawuli-jikelele weli Sebe.
Idilesi yeposi
Idilesi yesitalato
Izicwangciso / izibonelelo ezivumela umntu ukuba abandakanyeke ekuqulunqweni komgaqo-nkqubo kunye / okanye ekusetyenzisweni kwamagunya eSebe leziNdlu leSizwe iCandelo 14 (g)
Ukuqulunqwa komgaqo-nkqubo nendlela yolawulo lweziNdlu zesizwe kunye nokwamkelwa kwawo kwenzeka kwinkqubo ecwangcisiweyo. Ngokuphathelele koku ke, udliwanondlebe nabantu lwenziwa lube sisinyanzelo ngokwenziwa komThetho weziNdlu, wowe-1997. UmPhathiswa weSizwe nguye onoxanduva lokuqulunqa umgaqo-nkqubo nesicwangciso solawulo lweziNdlu zesizwe. Oku kwenziwa ngenkqubo yodliwanondlebe eququzelelwa licandelo leSebe leziNdlu, i-MINMEC. Icandelo leziNdlu, iMINMEC libandakanya umPhathiswa weziNdlu nabaPhathiswa bamaphondo abalithoba abajongene nezindlu koorhulumente bamaphondo kunye noManyano looRhulumente beeNgingqi boMzantsi-Afrika i-SALGA ngokwesilungu.
Isebe libamba udliwanondlebe, amaxesha ngamaxesha, ngokubanzi ngemiba yomgaqo-nkqubo nesicwangciso solawulo kwaye imisebenzi elolo hlobo idla ngokwenziwa ngeendibano zodliwanondlebe nangeentlanganiso zeziNdlu zesizwe.
Umgaqo obalulekileyo ngowokuba nabani na ongummi welizwe uyafikelela kumaqumrhu athatha izigqibo ngenkqubo yombuso wentando yesininzi yeRiphabhliki. Nangona kunjalo, isebe lizimisele ukudlana iindlebe ngokubanzi kangangoko kunokwenzeka ngokuphathelele kumgaqo-nkqubo weziNdlu nendlela yokulawula zexesha elizayo.
Iirekhodi zeSebe leziNdlu leSizwe iCandelo 141d-e
Uvalo lwamarekhodi oluzenzekelayo iCandelo 141e iCandelo 152
Amarekhodi adweliswe apha ngezantsi afumaneka engakhange abe aceliwe ngokwemiqathango yalo mThetho. La marekhodi akapapashwa kwigazethi karhulumente njengoko kufuneka kwenziwe ngokomThetho.
ISekela leGosa leNgcaciso kungaqhagamshelwana nalo ukufikelela kula marekhodidi:
ayafumaneka ukuba ahlolwe ngokwemiqathango yomthetho ngaphandle kwalo umThetho;
ayafumaneka ngokuthengwa;
ayafumaneka njengekopi. Ikho imali ehlawulelwa ukwenziwa kweekopi. (Jonga kumhlathi 6.2);
Itheyibhile: Amarekhodi afumaneka engacelwanga kwiSebe leziNdlu leSizwe
Ingongoma
Ingongoma ezincinci
Imigaqo
Imigaqo yeenkonzo zangaphandle: ingxelo yezemali nokunika ingxelo ngomsebenzi.
Imigaqo
Imigaqo yeenkonzo zangaphandle: isikhokelo solawulo ngemiyalelo karhulumente nezinto ezifuna ingqwalasela ephambili.
Imigaqo
Imigaqo yeenkonzo zangaphandle: umgaqo-nkqubo weziNdlu nophuhliso lowiso-mthetho nophononongo.
Imigaqo
Imigaqo
Imigaqo
Imigaqo yeenkonzo zangaphandle: usasazo lolwazi nonxibelelwano
Imigaqo
Imigaqo yeenkonzo zangaphandle: Uphuhliso lwezakhono
Ikhowudi yeziNdlu
Gabalala
Intetho kamPhathiswa
Intshayelelo kwikhowudi yeziNdlu
Isikhokelo esilula
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 1
Umgaqo-nkqubo weziNdlu weSizwe woMzantsi-Afrika:Ukunika isikhokelo kumgaqo-nkqubo weziNdlu woMzantsi-Afrika
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 1
Umgaqo-nkqubo weziNdlu weSizwe woMzantsi-Afrika: Indlela epheleleyo esetyenziswa kwizindlu eMzantsi-Afrika
Umbono weziNdlu eMzantsi-Afrika
INjongo yeziNdlu yeSizwe
Ubume bomGaqo weziNdlu weSizwe: isiseko sendawo ekusukelwa kuyo
Iinqobo ezibalulekileyo kumgaqo weziNdlu nakufezekiso
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 1
Umgaqo-nkqubo weziNdlu weSizwe woMzantsi-Afrika: umgaqo-nkqubo weziNdlu woMzantsi-Afrika ngeendlela ezisixhenxe
UkuZinzisa iMeko yeziNdlu
UkuVuselela iMali-mboleko yeziNdlu
UkuBonelela ngoNcedo lweNkxaso-mali
UkuXhasa iNkqubo yeziNdlu yaBantu
Ulungelelwaniso lwezaKhono zamaZiko
UkuQuquzelela ukuFikelela kuLwazi okuKhawulezileyo nokuLungiswa komHlaba
Ukuhlanganisa utyalo-mali lwesizwe kuphuhliso
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 1
Umgaqo-nkqubo weziNdlu weSizwe woMzantsi-Afrika: elokuphetha - Izindlu ngokuphangaleleyo
Ubume bamaziko
Imeko yoqoqosho olukhulu
Ubume beenkcukacha zoluntu
Elokuphetha: amathuba
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 2
Ukwazi umThetho weziNdlu nemigaqo yolawulo ephathelele kuwo
Uphengululo lomThetho weziNdlu
Ubume bomThetho weziNdlu
Indawo ekusukelwa kuyo
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 2
Ukwazi umThetho weziNdlu nemigaqo yolawulo ephathelele kuwo
Indima noxanduva
Imisebenzi kaRhulumente weSizwe
Imisebenzi kaRhulumente wePhondo
Isihlomelo A: isivumelwano esiphathelele ekwamkelekeni
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 2
Ukwazi umThetho weziNdlu nemigaqo yolawulo ephathelele kuwo: Imiqathango ephambili yomThetho
Iindlela ezamkelekileyo zokuziphatha nemigaqo
Ukuxhaswa ngemali kweziCwangciso zethu zeziNdlu
Ukulawula izinto zethu, ekufuneka sikwenzile, amalungelo noxanduva
Ulwazi lweziNdlu
Ukuthumela
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 2
Ukwazi umThetho weziNdlu nemigaqo yolawulo ephathelele kuwo: amaqumrhu karhulumente
IBhodi yoPhuhliso lweziNdlu yoMzantsi-Afrika
IiBhodi zoPhuhliso lweziNdlu zamaPhondo
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 2
Ukwazi umThetho weziNdlu nemigaqo yolawulo ephathelele kuwo: Elokuphetha
Ukususa obekusenzeka kwixesha elidlulileyo
Indima kaRhulumente
Imiqathango ephambili yomThetho
Amaqumrhu karhulumente
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 3
IziCwangciso zeziNdlu zeSizwe: Intshayelelo
Ukunika isikhokelo kwesi sigaba
Uphengululo lwezicwangciso zeziNdlu zesizwe
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 3
IziCwangciso zeziNdlu zeSizwe: Intshayelelo
Ukunika isikhokelo kwesi sigaba
Uphengululo lwezicwangciso zeziNdlu zesizwe
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 3
IziCwangciso zeziNdlu zeSizwe: Isikim seNkxaso yeziNdlu - iinkxaso ezibandakanywe kumaphulo
Uphengululo
Ukwamkeleka kunyulo nezinye iimeko zeenkxaso ezibandakanywe kumaphulo
Indlela abakhi abenza ngayo isicelo senkxaso ebandakanywe kumaphulo
Emva kokwamkela kwesicelo senkxaso ebandakanywe kumaphulo
Iingongoma eziphambili emazikhunjulwe
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 3
IziCwangciso zeziNdlu zeSizwe: isikim senkxaso yeziNdlu / inkxaso yomntu
Uphengululo
Ukwamkeleka kunyulo nezinye iimeko zeenkxaso yomntu
Inkxaso engabandakanywa kwimali-mboleko
Inkxaso ebandakanywa kwimali-mboleko
Iingongoma eziphambili emazikhunjulwe
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 3
IziCwangciso zeziNdlu zeSizwe: isikim senkxaso yeziNdlu / inkxaso yomntu
Uphengululo
Ukwamkeleka kunyulo nezinye iimeko zeenkxaso yomntu
Inkxaso engabandakanywa kwimali-mboleko
Inkxaso ebandakanywa kwimali-mboleko
Iingongoma eziphambili emazikhunjulwe
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 3
IziCwangciso zeziNdlu zeSizwe: isikim senkxaso yeziNdlu / inkxaso yamaziko
Uphengululo
Ukwamkeleka kunyulo nezinye iimeko zeenkxaso yomntu
Indlela yokwenziwa kwesicelo senkxaso yamaziko
Emva kokwamkelwa kwesicelo senkxaso yamaziko
Ugcino lweenkcukacha zeziNdlu zesizwe
Iingongoma eziphambili emazikhunjulwe
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 3
IziCwangciso zeziNdlu zeSizwe: isikim senkxaso yeziNdlu / uncedo lwemfuduko
Uphengululo
ImiGaqo yeXwebhu lwesiBhambathiso kunye noXwebhu lwesiBhambathiso oluHlaziyiweyo.
Ukulungelelanisa
Uncedo lwemfuduko
Imigaqo ephathelele kubahlali abangengabo abanini uqobo okanye ababoleki
Izicwangciso ezizodwa eziphathelele kubaboleki abazishiyileyo izindlu zabo
Izicwangciso ezizodwa eziphathelele kubantu abadala nabakhubazekileyo
Indlela yokwenziwa kwesicelo soNcedo lweMfuduko
Indlela I-PHDB eqwalasela ngayo isicelo soncedo lwemfuduko
Iingongoma eziphambili emazikhunjulwe
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 3
IziCwangciso zeziNdlu zeSizwe: isiKim seNkxaso yeziNdlu / iNkqubo yeziNdlu yaBantu
Uphengululo
Ukwamkeleka kunyulo nakwezinye iimeko zeNkqubo yeziNdlu zaBantu
Indlela yokwenza isicelo
Ukufikelela kwinkxaso equkanisa konke ngeNkqubo yeziNdlu yaBantu
Ukufikelela kwinkxaso ebandakanywe kumaphulo ngeNkqubo yeziNdlu yaBantu
Ukufikelela kwinkxaso yamaziko ngeNkqubo yeziNdlu yaBantu
Ukufikelela kwinkxaso yasemaphandleni, amalungelo omhlaba angekho sikweni ngeNkqubo yeziNdlu yaBantu
Emva kokwamkelwa
Isivumelwano senkxaso
Iingongoma eziphambili emazikhunjulwe
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 3
IziCwangciso zeziNdlu zeSizwe: iSikim sesiBonelelo sesaPhulelo
Uphengululo
Ukwamkeleka kunyulo nakwezinye iimeko zesiKim sesiBonelelo sesaPhulelo
Indlela yokwenza isicelo sesiBonelelo sesaPhulelo
Emva kokwamkelwa kwesiBonelelo sesaPhulelo
Izikhokelo zolawulo zesiKim sesiBonelelo sesaPhulelo
Iingongoma eziphambili emazikhunjulwe
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 3
IziCwangciso zeziNdlu zeSizwe: Isicwangciso sophuhliso ngokutsha lweehostele
Uphengululo
Iinjongo zamaphulo eziCwangciso zoPhuhliso ngokutsha lweeHostele zaBantu
Udidi loPhuhliso ngokutsha
Ukuxhaswa ngemali koPhuhliso ngokutsha
Indlela yokwenza isicelo sokuXhaswa ngemali kuPhuhliso ngokutsha lweCandelo lweeHostele zaBantu
Emva kokwamkelwa
Iingongoma eziphambili emazikhunjulwe
Ikhowudi yeziNdlu:
IsiGaba 3
IziCwangciso zeziNdlu zeSizwe: isikim senkxaso yeziNdlu / inkxaso yeziNdlu yasemaphandleni
Intsukaphi
Ilungelo lomhlaba
Umgaqo-nkqubo ngokuphathelele kwilungelo lomhlaba
Umhlaba ophantsi kolawulo lwabantu bengingqi
Izindululo zamaphulo
Uvimba wesizwe weenkcukacha
Ubudlelwane phakathi kwe-arhente yokufezekisa nabantu abafumana uncedo
Ukuchongwa komhlaba
Umlinganiselo weemfanelo nesixa senkxaso
Abantu abatshate isithembu
Isiqinisekiso sokwamkeleka sikaMasipala
Uhlaziyo
Imigaqo-nkqubo
Ulwakhiwo lweziNdlu noLawulo lomGaqo-nkqubo
Imigaqo-nkqubo
Iphepha loQulunqo-zimvo leziNdlu
Umthetho
Umthetho
Umthetho
Umthetho
Umthetho
Umthetho
Umthetho
Umthetho
Umthetho
Umthetho
UmThetho oYilwayo wokutshitshiswa kweQumrhu leThrasti yeziNdlu yoMzantsi-Afrika
Umthetho
UmThetho oYilwayo woTyalo-mali ngokutsha woLuntu we-2001
Iingxelo
Ingxelo yokudalwa kwamathuba empangelo.
Iingxelo zekota ngegalelo loqoqosho olukhulu kulwakhiwo lweziNdlu, kwimigangatho yogcino-mali nakuqoqosho oluncinane.
Ukuqwalaselwa kwamaziko axhasa ulwakhiwo lweziNdlu
Izikhokelo
Izikhokelo zabaTyali-mali bangaPhandle
Ubume
Ubume boPhuhliso lomMandla waseDolophini
Ingqokelela yamanani (akhethiweyo)
Izindlu ezigqityiweyo okanye ezisakhiwayo
Ingqokelela yamanani akhethiweyo
Iinkxaso ezamkelweyo zizonke
Ingqokelela yamanani akhethiweyo
Iinkxaso ezamkelweyo zomntu ngamnye
Ingqokelela yamanani akhethiweyo
Amaphahla agqityiweyo okanye asakhiwayo
Ingqokelela yamanani akhethiweyo
Amaphulo amkelweyo
Ingqokelela yamanani akhethiweyo
Amaphulo ekuqaliswe ngawo
Ingqokelela yamanani akhethiweyo
Amaphulo ezindlu aqhubayo
Ingqokelela yamanani akhethiweyo
Izalathiso zeziNdlu ezakhiweyo kwiphondo ngalinye.
Iintetho
Ezininzi
Amanqaku amaphephandaba
Amaninzi
Iinkcukacha zoqhagamshelwano
Iintloko zeziNdlu
Iinkcukacha zoqhagamshelwano
Uthungelwano lweziNdlu
Iinkcukacha zoqhagamshelwano
Amaziko
Amaphulo
NgePhondo
Ukuba kuyenzeka
Iindidi zeencwadi ezifumanekayo ezinokuhlolwa ngokwemiqathango yeminye imithetho
Qaphela: Imiqathango yecandelo 5 lomThetho liyicacisa kakuhle into yokuba umThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi awuquki imiqathango yawo nawuphi na umthetho ongomnye othintela okanye owalela ukudizwa kolwazi nongangqamaniyo neenjongo okanye imiqathango ecacileyo yomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi. Icandelo 55
Iindidi zeencwadi ezifumanekayo ezinokucelwa ngokomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi iCandelo 14 (d)
Ukufikelela kulwazi olukwezi ncwadi zidweliswe apha ngezantsi kwenziwa ngokwesicelo esichatshazelwe kwimiqathango yomThetho. Ezi ncwadi zinokucelwa kumaSekela eGosa leNgcaciso eSebe leziNdlu leSizwe kulandelwa imigaqo yesicelo echazwe kumhlathi ongezantsi.
Itheyibhile 2: Iincwadi ezinokucelwa ngokomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi, umThetho onguNo. 2 we-2000
Ingongoma
Ingongoma encinci
Imiba yengxoxo nemizuzu
Izivumelwano
Izivumelwano phakathi kwesibini
Izivumelwano
Izivumelwano zamazwe ngamazwe
Iimvumelwano
Iimvumelwano
Imali
Isabelo-mali seSebe
Imali
Ukuphuma nokungena kwemali engxoweni
Imali
Inkcitho-mali yengxowa
Imali
Ingxelo yengxowa yamaziko
Imali
Ukuphuma nokungena kwemali kwingxowa yephondo
Imali
Inkcitho-mali yengxowa yePhondo
Imali
Iingxowa zamaQumrhu kaRhulumente
Imiyalelo
Imiyalelo
Iincwadi zabasebenzi
Izaziso
Iincwadi zabasebenzi
Ukuqeshwa kwabasebenzi
Iincwadi zabasebenzi
Iincwadi zeziNdlu
Iincwadi zabasebenzi
Ukwenzakala emsebenzini
Iincwadi zabasebenzi
Iincwadi zekhefu
Iincwadi zabasebenzi
Imihlalaphantsi
Iincwadi zabasebenzi
Iincwadi zokuncoma umsebenzi
Iincwadi zabasebenzi
Icandelo labaSebenzi
Iincwadi zabasebenzi
Unyuselo ngokwesikhundla
Iincwadi zabasebenzi
Iincwadi ezize nabasebenzi
Iincwadi zabasebenzi
Iincwadi zemivuzo
Iincwadi zabasebenzi
Amanqwanqwa emivuzo
Iincwadi zabasebenzi
Ukutshintshelwa kwenye indawo
Izicwangciso
Izicwangciso zoshishino
Izicwangciso
Izicwangciso zoshishino: Iziko leziNdlu
Izicwangciso
IsiCwangciso soLawulo lweziNdlu
Izicwangciso
IziCwangciso zezaKhono zabaSebenzi
Izicwangciso
IziCwangciso zeNkqubo yezaKhono zabaSebenzi
Imigaqo-nkqubo
Ubume: bamaziko
Imigaqo-nkqubo
Ubume: bezomthetho
Imigaqo-nkqubo
Ubume: imigaqo-nkqubo
Imigaqo-nkqubo
UmGaqo-nkqubo weziNdlu oFundisayo
Imigaqo-nkqubo
UmGaqo-nkqubo weziNdlu
Imigaqo-nkqubo
Udondolo lokuQwalasela
Imigaqo-nkqubo
Ukuphunyezwa komgaqo-siseko
Imigaqo-nkqubo
Iimfuno ezizodwa zeziNdlu: abakhubazekileyo
Imigaqo-nkqubo
Iimfuno ezizodwa zeziNdlu: intsholongwane kagawulayo nesifo sikagawulayo
Imigaqo-nkqubo
Iimfuno ezizodwa zeziNdlu: iimfuno:abantu abadala
Imigaqo-nkqubo
Iimfuno ezizodwa zeziNdlu: iimfuno: iinkedama
Imigaqo-nkqubo
Iimfuno ezizodwa zeziNdlu: iimfuno: abantwana abahlala ezitalatweni
Imigaqo-nkqubo
Iimfuno ezizodwa zeziNdlu: iimfuno: ulutsha
AmaPhulo
AmaPhulo
IsiCwangciso SoNcedo lwabaSebenzi
AmaPhulo
IziCwangciso zokuXhobisa
AmaPhulo
IsiCwangciso sentsholongwane kagawulayo/sesifo sikagawulayo
AmaPhulo
Iinjongo zeziCwangciso zeziNdlu: ooMasipala
AmaPhulo
Iinjongo zeziCwangciso zeziNdlu: ezeSizwe
AmaPhulo
Iinjongo zeziCwangciso zeziNdlu: ezamaPhondo
AmaPhulo
IziCwangciso zeziNdlu
AmaPhulo
Amacebo eziCwangciso zeziNdlu
AmaPhulo
IziCwangciso zamaLungelo oLuntu
AmaPhulo
UPhuhliso lwezaKhono
Iingxelo
INgxelo yoNyaka
Iingxelo
INgxelo yoPhicotho-ncwadi
Iingxelo
IiNgxelo zeNtlanganiso yeKomiti
Iingxelo
IiNgxelo zeNkqubo yeziNdlu
Iingxelo
IiNgxelo zesiCwangciso sePhulo lezaKhono zabaSebenzi
Iingxelo
INgxelo yeNgxowa-mali yakwa-ODI
Iingxelo
IiNgxelo zokuPhunyezwa komGaqo-nkqubo
Iingxelo
IiNgxelo zokuSetyenziswa komGaqo-nkqubo
Iingxelo
IiNgxelo zeKota
Iingxelo
IiNgxelo zamaPhulo awodwa
IziCwangciso zoLawulo
Iinjongo zoNikezelo-nkonzo: ooMasipala
IziCwangciso zoLawulo
Iinjongo zoNikezelo-nkonzo: ezeSizwe
IziCwangciso zoLawulo
Iinjongo zoNikezelo-nkonzo: ezamaPhondo
IziCwangciso zoLawulo
IsiCwangciso soLawulo neziKhokelo ngoPhuhliso lwezaKhono
IziCwangciso zoLawulo
IsiKhokelo sokuSetyenziswa komHlaba
IziCwangciso zoLawulo
IsiCwangciso seMfundiso ngeziNdlu
IziCwangciso zoLawulo
UmGaqo-nkqubo womHlaba weziNdlu
IziCwangciso zoLawulo
Isicwangciso somHlaba weziNdlu: emaPhandleni
IziCwangciso zoLawulo
Isicwangciso somHlaba weziNdlu: ezidolophini
IziCwangciso zoLawulo
IziCwangciso zoLawulo lweziNdlu
IziCwangciso zoLawulo
IziCwangciso zoLawulo
Imigaqo yokwenziwa kwesicelo
IsiNgesi lolona lwimi luya kusetyenziswa kulo mThetho.
Amanyathelo aya kuthatyathwa nguMenzi-sicelo
UMenzi-sicelo kufuneka alandele imigaqo echazwe kulo mThetho (eshwankathelwe apha ngezantsi), okt. zizicelo ezenziwe ngokwemigaqo echatshazelwe apha ngezantsi kuphela eziya kuqwalaselwa.
Ukufikelela kwincwadi equlathe ulwazi kungaliwa kuphela ngezizathu ezichazwe kulo mThetho. (Jonga kumhlathi 6.3).
Kucetyiswa ukuba umenzi-sicelo azazi ukuba ukuluphi na udidi lomenzi-sicelo ngokwezi ntsingiselo zilandelayo.
Udidi lomenzi-sicelo
Inkcazelo / intsingiselo yamagama
Okusingiselwe kuko
Umenzi-sicelo weenkcukacha zomntu
Ucela iinkcukacha ezingomenzi-sicelo
Umenzi-sicelo
Nawuphi na umntu owenza isicelo sokufikelela kulwazi olusezincwadini zeSebe leziNdlu leSizwe, okanye amaqumrhu karhulumente asebenzisa amagunya okanye enza umsebenzi karhulumente ngokwemiqathango yomthetho othile
Kuhlawulwa imali yesicelo kunye nedipozithi yemali yesicelo ehlawulwayo
Umenzi-sicelo egameni lomnye umntu
Umntu owenza isicelo egameni lomnye umntu
Kufuneka kubekho ubungqina obubonisa ukuba umenzi-sicelo usenza isicelo egameni lomnye umntu
Isicelo sokufikelela kulwazi kufuneka senziwe ngokuzaliswa kwefom yesicelo echazwe liSebe leziNdlu leSizwe kuhlawulwe imali yesicelo ize ithunyelwe kwiSekela leGosa leNgcaciso.
Njengesihlomelo A sesi siKhokelo (ezaliswa ngesandla);
Ngokwenza isicelo kwiSekela leGosa lengcaciso sokuba ithunyelwe ngefeksi, ngeleta okanye ngemeyile;
Ngokuthi ilandwe kwiSebe leziNdlu leSizwe okanye kwiziko lokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi.
Ifom yesicelo ingazaliswa ngesandla okanye ngekhompyutha xa ikhutshwe kwisiza sentungelwano
Umenzi-sicelo ongakwaziyo ukufunda / ukubhala okanye onesinye isikhwasilima angasenza isicelo ngomlomo. Isicelo esenziwe ngomlomo siya kubhalwa kwifom yesicelo kwaye umenzi-sicelo uya kunikwa ikopi yayo ifom leyo.
Ifom kufuneka isayinwe ngumenzi-sicelo. Umenzi-sicelo kufuneka asayine onke amaphepha ongezelelweyo oxwebhu olongezwe kwifom.
Amagosa eziko lokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi nawo kungaqhagamshelwana nawo kwaye aya kunceda ekusungulweni kwesicelo.
Kucetyiswa ukuba intlawulo yemali yesicelo engama-R35.00, ngaphandle kwesicelo esicela iinkcukacha zomntu, ifakwe okanye ihanjiswe nefom yesicelo. ISebe leziNdlu leSizwe lamkela imali eziinkozo, iipostal oda, izitampu zengeniso, amakhadi emali-mboleko neetshekhi ezingatshintshekiyo (iitshekhi neepostal oda kufuneka zijoliswe KWISEBE LEZINDLU kwaye kukho ixesha lokuhlolwa kwetshekhi eliziintsuku ezili-10 zokusebenza). (Jonga kumhlathi 6.2).
Thumela ifom yesicelo ezalisiweyo kwiSekela leGosa leNgcaciso leSebe leziNdlu leSizwe, ngenye yezi ndlela zilandelayo:
Ngeposi, uyithumele kwidilesi echaziweyo;
Ngokuyisa buqu kwiZiko lokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi, ngokuthi inikezelwe kwidilesi yesitalato echaziweyo okanye
Ngokuyithumela ngefeksi (kodwa kuphela xa kungekho mali yesicelo ihlawulwayo).
Kucetyiswa ukuba umenzi-sicelo azigcinele ikopi yesicelo.
ISekela leGosa leNgcaciso:
liya kusisebenza isicelo sokufikelela kulwazi ukuba:
Qaphela: iSekela leGosa leNgcaciso alinakusala isicelo sokufikelela kulwazi ngesizathu sokuba ifom izaliswe ngobuqhitala, ngaphandle kokuba umenzi-sicelo wazisiwe (PAIA-REQ01) ngenjongo yokwaliwa kwesicelo, kwaye kunikwe nezizathu ezingunozala wokwaliwa kwaso kwaye igosa liye lazinikezela ekuncediseni umenzi-sicelo ekwenzeni isicelo kwifom eya kuguzula izizathu zokwaliwa kwesicelo. iCandelo 192.
Kwaye ihlawulwe imali yesicelo (efunekayo).
Lisenokwenza isigqibo lize lazise umenzi-sicelo ngoku kulandelayo:
Ngesaziso semali ehlawulwayo (xa ikho). Ulwazi olucelwayo luya kufumaneka kuphela lisakube iSekela leGosa leNgcaciso liyifumene imali ehlawulwayo; (PAIA-REQ-03)
Qaphela: Xa iSekela leGosa leNgcaciso lithe alenza mpendulo kwiintsuku ezingama-60 (kuqukwa neentsuku zexesha elandisiweyo) isicelo sifanele ukuba sithathwe njengesaliweyo kwaye umenzi-sicelo angafaka isibheno sangaphakathi. [ICandelo 27].
Imali ebekiweyo (amaQumrhu kaWonke wonke)
Ngokwemiqathango yalo mThetho, zimbini iindidi zemali ehlawulwayo, zezi zilandelayo:
Imali yesicelo, eyimali efanayo kwaye ihlawulwa kube kanye. Le mali ingama-R35,00. Le mali kufuneka ihlawulwe phambi kokuba sibe nokuqwalaselwa isicelo kwaye iSekela leGosa leNgcaciso kufuneka limazisile umenzi-sicelo (ngembalelwano) ngokuhlawulwa kwale mali.
Qaphela: Imali yesicelo ayihlawulwa xa isicelo sibhekiselele kwiinkcukacha zomntu. Icandelo 221.
Imali yokufikelela kulwazi iquka ukhutshelo, ukukhangelwa, ukulungiswa neendleko zokuposa xa kuyimfanelo.
Qaphela: Ukuba ukukhangelwa nokulungiswa kweenkcukacha eziceliweyo kuthatha ixesha elingaphaya kweeyure ezintandathu, kufuneka umenzi-sicelo ehlawule idipozithi esisinye esithathwini semali yokufikelela kulwazi, ngaphandle kwesicelo esibhekiselele kwiinkcukacha zomntu. ISekela leGosa lengcaciso liya kumazisa umenzi-sicelo ngembalelwano ngokubhekiselele kwidipozithi ehlawulwayo. Xa isicelo sithe saliwa, iSekela leGosa leNgcaciso kufuneka liyibuyisele idipozithi ehlawulweyo kumenzi-sicelo. Icandelo 222b.
Imali ebekiweyo ishwankathelwe apha ngezantsi ngokwemiqathango yesiGaba II sesiHlokomiso sikaRhulumente (R187) esipapashwe kwiGazethi kaRhulumente ngomhla we-15 kweyoMdumba (Februwari) 2002.
INKCAZELO YEMALI
Ixabiso LERANTI
Imali yesicelo icandelo 22 8
Imali yesicelo ehlawulwa ngumenzi-sicelo ngamnye, ngaphandle komenzi-sicelo weenkcukacha zomntu ochazwe kummiselo 7 
Imali yokhutshelo icandelo 153 isebenza ekukhutshelweni kweencwadi eziveliswa ngokuthanda okanye ezifumanekayo nje.
Imali ehlawulwa ngekopi yesikhokelo njengoko kuchaziwe kummiselo 5, zii-R0.60 ngekopi nganye yephepha elibukhulu bungu-A4 okanye inxalenye yalo.
R0.60 ngephepha
Imali ehlawulwa ngokukhutshelwa kolwazi echatshazelwe kummiselo 7 imi ngolu hlobo:
a Ikopi nganye yephepha elibukhulu bungu-A4 okanye inxalenye yalo
b Ikopi nganye eshicilelweyo kwiphepha elingu-A4 okanye inxalenye yalo elikwikhompyutha okanye kwisixhobo sombane okanye kumatshini
c Ikopi ekwikhompyutha:
Kwiphepha elingu-A4 okanye kwinxalenye yalo
Ikopi yomfanekiso
e Ukukhutshelwa kolwazi olurekhodishiweyo:
Kwiphepha elingu-A4 okanye kwinxalenye yalo
Ikopi yecwecwe lesandi
Imali yokufikelela kulwazi (isebenza kwiincwadi ezicelwe ngokwefom yesicelo somThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kulwazi)
 Imali yesicelo ehlawulwa ngumenzi echatshazelwe kummiselo 7 imi ngolu hlobo:
a Ikopi nganye yephepha elibukhulu bungu-A4 okanye inxalenye yalo
b Ikopi nganye eshicilelweyo kwiphepha elingu-A4 okanye inxalenye yalo elikwikhompyutha okanye kwisixhobo sombane okanye kumatshini
c Ikopi ekwikhompyutha:
Kwiphepha elingu-A4 okanye kwinxalenye yalo
Ikopi yomfanekiso
e Ukukhutshelwa kolwazi olurekhodishiweyo:
Kwiphepha elingu-A4 okanye kwinxalenye yalo
Ikopi yecwecwe lesandi
Imali yokukhangela neyokulungisa ulwazi olucelwayo f Ukukhangela nokulungisa incwadi equlathe ulwazi olucelwayo li-R15.00 ngeyure nganye okanye inxalenye yayo ethe yachithelwa ekukhangeleni okanye ekulungiseni ulwazi olucelwayo, ngaphandle kweyure yokuqala.
Idipozithi efunekayo iCandelo 22 
 Ngokwenjongo yecandelo 22 yalo mThetho, oku kulandelayo kuyasebenza:
a ziiyure ezintandathu ekufuneka kudluliwe kuzo phambi kokuba kube nokuhlawulwa idipozithi kwaye b isinye esithathwini semali yesicelo sihlawulwa njengedipozithi ngumenzi-sicelo
Imali yokuposa
 Imali yokuposa ihlawulwa xa ikopi yencwadi kufuneka iposelwe kumenzi-sicelo.
ISebe leziNdlu leSizwe liya kwamkela ezi ndidi zilandelayo zentlawulo:
Imali eziinkozo
ISebe leziNdlu leSizwe liya kukhupha irisithi xa kuhlawulwe ngemali, ngepostal oda nangezitampu zaserevenyu. Mayela neetshekhi, kuya kwenziwa isaziso sethutyana de ibe itshekhi ihlawulekile, kwaye irisithi iya kukhutshwa ngelo xesha.
Umenzi-sicelo unakho ukufaka isibheno ngaphakathi okanye ukwenza isicelo enkundleni ngentlawulo yemali. (Jonga kumhlathi 6.4).
Izizathu ezinokubangela ukwaliwa kokukhutshwa kwamarekhodi [isaHluko 4 somThetho]
Njengoko umThetho ungasebenzi kule miba ilandelayo, nasiphi na isicelo esibhekiselele kuyo siya kwaliwa, ukuba incwadi ecelwayo:
yincwadi yeKhabhinethi;
yincwadi yeKomiti yeKhabhinethi;
yincwadi yemisebenzi yezobulungisa yeenkundla;
yincwadi yenkundla yamatyala etyunjiweyo;
yincwadi yegosa lezobulungisa;
Isicelo sisenokwaliwa ukuba umenzi-sicelo uthe akayisela so imigaqo ebekiweyo emva kokuba ethe waziswa ngenjongo yokwaliwa kwesicelo liSekela leGosa leNgcaciso.
UmThetho uchaphazela izizathu ekufuneka kwaliwe okanye ekunokwaliwa ngazo isicelo sokukhutshwa kolwazi.
Qaphela: Ngaphezu koko kufuneka kwaliwe okanye kunokwaliwa, umThetho ukwacacisa:
nemeko apho kungenakwaliwa khona ukukhutshwa kolwazi nemeko apho ukukhutshwa kolwazi kugunyazisiwe ngokomdla woluntu. [ICandelo 46].
Ngokwenjongo yesi sikhokelo, zizizathu kuphela ekufuneka kwaliwe ngazo ukufikelela kulwazi eziya kuchatshazelwa.
ISekela leGosa leNgcaciso kufuneka, ngokwemiqathango ethile, lisale isicelo sokufikelela kulwazi ngezi zizathu zilandelayo:
Ukhuselo ngokusemthethweni lwesidima "somnye umntu" osenokuba "liziko elisekiweyo", okt. ukuba ukudizwa kolo lwazi kuya kubandakanya ukudizwa okungafanelekanga kweenkcukacha zomntu buqu "ngomntu wesithathu", kuqukwa nomntu ongasekhoyo iCandelo 341.
Ukhuselo olusemthethweni lweencwadi ezithile zeZiko leNgeniso yoMzantsi-Afrika, okt. iGosa leNgcaciso leZiko leNgeniso yoMzantsi-Afrika kufuneka yale isicelo serekhodi yeZiko leNgeniso yoMzantsi-Afrika ukuba iqulathe ingcaciso eyafunyanwa okanye ekugcino lweZiko leNgeniso yoMzantsi-Afrika ngeenjongo zokusebenzisa umthetho ophathelele kuqokelelo lwengeniso njengoko kuchaziwe kwicandelo 1 lomThetho weziko leNgeniso yoMzantsi-Afrika, 1997 umThetho 34 we-1997 iCandelo 351.
Ukhuselo olusemthethweni lwenkcazelo yezorhwebo "yomnye umntu /yelinye iqela", okt. iSekela leGosa leNgcaciso kufuneka lisale isicelo ukuba incwadi ecelwayo iqulathe iCandelo 361:
iimfihlelo zorhwebo "zomnye umntu/zelinye iqela";
inkcazelo yezemali, yezorhwebo, yezobugqi (inzululwazi) okanye yezobuchwepheshe ngaphandle kweemfihlelo zorhwebo "zomnye umntu/zelinye iqela", okunokuthi ukudizwa kwayo konakalise umdla wezorhwebo okanye wezemali "womnye umntu/welinye iqela"; okanye inkcazelo enikezelwe njengendaba yakwamkhozi "ngomnye umntu/lelinye iqela" okunokuthi ukudizwa kwayo kubeke "omnye umntu/elinye iqela" emngciphekweni kukhuphiswano lwezivumelwano okanye kuthethathethwano olulolunye, okanye kudlelelelwe "omnye umntu/elinye iqela" elo kukhuphiswano lwezorhwebo.
Ukhuselo olusemthethweni lwenkcazelo ethile eyimfihlelo "yomnye umntu/yelinye iqela", okt. iSekela leGosa leNgcaciso kufuneka lisale isicelo ukuba ukudizwa kwenkcazelo ecelwayo kutolikeka njengesenzo sokwaphulwa kwesithembiso senkcazelo eyimfihlelo "somnye umntu/selinye iqela" ngokwemiqathango yesivumelwano ekufikelelwe kuso icandelo 371a.
Ukhuselo olusemthethweni lokhuseleko lwabantu nokhuselo lwempahla, okt. iSekela leGosa leNgcaciso lisale isicelo ukuba ukudizwa kwenkcazelo ecelwayo kungalindeleka ukuba kube nobungozi kubomi okanye kukhuseleko lomntu iCandelo 38a.
Ukhuselo olusemthethweni lwamadokethi amapolisa kwiinkqubo zebheyile nokhuselo lokunyanzeliswa komthetho nakwiinkqubo zomthetho, okt. iSekela leGosa leNgcaciso lisale isicelo ukuba ukufumaneka kwaloo ncwadi akuvumelekanga ngokwemiqathango yecandelo 60 14 lomThetho womGaqo woLwaphulomthetho, 1977 umThetho 51 we-1977 iCandelo 391a.
Ukhuselo olusemthethweni lweencwadi ezingenakukhutshwa kwiinkqubo zomthetho, okt. iSekela leGosa leNgcaciso kufuneka lisale isicelo ukuba incwadi ecelwayo yincwadi engenakukhutshwa kwiinkqubo zomthetho ngaphandle kokuba umntu onelungelo kwiwonga elo uliyekile [iCandelo 40].
Ukhuselo olusemthethweni lwenkcazelo yophando "yomnye umntu/yelinye iqela" nokhuselo lwenkcazelo yophando lwequmrhu likawonke wonke, okt. iSekela leGosa leNgcaciso kufuneka lisale isicelo ukuba incwadi ecelwayo iqulathe inkcazelo engophando oluqhutywayo okanye oluza kuqhutywa "ngomnye umntu/lelinye iqela" okanye egameni "lomnye umntu/lelinye iqela" ukuba ukudizwa kwayo kusenokubeka esichengeni iCandelo 43 :
omnye umntu/elinye iqela";
umntu oqhuba okanye oza kuqhuba uphando egameni "lomnye umntu /lelinye iqela" okanye umongo wophando.
Amancedo afumanekayo ukuphikisana nezigqibo zeGosa leNgcaciso iCandelo 141h
Izibheno zangaphakathi nezicelo ezibhekiswa kwinkundla yamatyala[amaCandelo 74-82]
Amancedo afumanekayo ukuphikisana nezigqibo zeGosa leNgcaciso okanye iSekela leGosa LeNgcaciso kwisicelo sokufukelela kulwazi, ngala:
IsiBheno sangaPhakathi [iCandelo 74-77] okanye
Isicelo esibhekiswa enkundleni [iCandelo 78-82].
Qaphela: Izicelo ezibhekiswa kwinkundla yamatyala zinokwenziwa kuphela emva kokuba umenzi-sicelo, umenzi-sicelo weenkcukacha zomntu okanye "zomnye umntu /zelinye iqela liyihambe yonke imigaqo yesiBheno sangaPhakathi. ICandelo 7891).
IsiBheno sangaPhakathi" sithetha ukubhenela 'kuSomagunya ofanelekileyo' ngokwemiqathango yecandelo 74 lalo mThetho. Ngokubhekiselele kwiSebe leziNdlu leSizwe, 'uSomagunya ofanelekileyo' ngumPhathiswa weSebe leziNdlu okanye umntu obekwe ngembalelwano ngumPhathiswa weziNdlu.
Imigaqo yesiBheno sangaPhakathi ixhomekeke kubukho beqonga elo kwiqumrhu likarhulumente eliya kuthi libe nokuququzelela isiBheno sangaPhakathi.
Umenzi-sicelo, umenzi-sicelo weenkcukacha zomntu okanye "zomnye umntu/zelinye iqela" lingafaka isiBheno sangaphakathi ukuba alanelisekanga sisigqibo esenziwe liGosa leNgcaciso okanye iSekela leGosa leNgcaciso ngesicelo sokufikelela kulwazi.
Umenzi-sicelo, okt. umenzi-sicelo weenkcukacha zomntu, umenzi-sicelo, umenzi-sicelo egameni lomntu, angafaka isiBheno sangaPhakathi okanye isicelo kwinkundla yamatyala ngesigqibo seGosa leNgcaciso okanye seSekela leGosa leNgcaciso ngokubhekiselele:
ekwandisweni kwexesha lokuqwalaselwa kwesicelo [iCandelo 26]; okanye ekwaliweni kwesicelo sokufikelela kulwazi iCandelo 25 c); okanye kwintlawulo yemali, okt.:
imali yesicelo [iCandelo 22]; okanye imali yokufikelela kulwazi;
idipozithi yemali yokufikelela kulwazi [iCandelo 22];
okanye kudidi lokufikelela kulwazi oluvunyiweyo iCandelo 252c.
Elinye iqela/amanye amaqela angasifaka isiBheno sangaPhakathi okanye isicelo esibhekiswa kwinkundla yamatyala ngezigqibo zeGosa leNgcaciso okanye zeSekela leGosa leNgcaciso, kuphela ngokubhekiselele:
ekuvunyweni kwesicelo sokufikelela kulwazi iCandelo 493b
Qaphela: Kule meko ukufikelela kwirekhodi enolwazi kunokunikwa kuphela xa sele isigqibo sokuvunywa kwesicelo siqinisekisiwe iCandelo 299.
Xa kufakwa isiBheno sangaPhakathi, umenzi-sicelo, umenzi-sicelo weenkcukacha zomntu okanye "zomnye umntu/elinye iqela" kufanele/kufuneka asifake ngexesha elithile emva kokwaziswa/kokuxelelwa ngesigqibo seSekela leGosa leNgcaciso. Amaxesha abekiweyo ami ngolu hlobo:
Umenzi-sicelo (okt. umenzi-sicelo weenkcukacha zomntu, umenzi-sicelo, okanye umenzi-sicelo egameni lomnye umntu), zingaphelanga iintsuku ezingama-60 emva kokuba umenzi-sicelo ezisiwe ngesigqibo.
Elinye iqela/amanye amaqela, zingaphelanga iintsuku ezingama-30 emva kokuba iqela elo lazisiwe ukuba isicelo sokufikelela kulwazi sivunyiwe.
Qaphela:Ukufakwa kwesiBheno sangaPhakathi emva kwexesha elibekiweyo kunakho ukwamkelwa ukuba zikho izizathu ezivakalayo zokuba sifakwe emva kwexesha. Ukuba asivunywanga, umntu lowo ufaka isicelo uya kwaziswa ngesigqibo iCandelo 752ab.
Okwakaloku nje, akukho mali ibizwayo ngokufakwa kwesiBheno sangaPhakathi.
INkqubo yesiBheno sangaPhakathi [iCandelo 74-77]
Xa kufakwa isiBheno sangaPhakathi, umenzi-sicelo okanye elinye iqela kufuneka lizalise ifom "yesaZiso sesiBheno sangaPhakathi" yeSebe leziNdlu leSizwe.
Njengesihlomelo B kwesi sikhokelo (ezaliswa ngesandla);
Ngokwenza isicelo kwiSekela leGosa leNgcaciso sokuba ithunyelwe ngefeksi, ngeleta okanye ngemeyile;
Ngokuthi ilandwe kwiSebe leziNdlu leSizwe okanye kwiziko lokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi.
Ifom yesiBheno sangaPhakathi inokuzaliswa ngesandla okanye ngokuyichwetheza kwikhompyutha xa ikhutshwe kwisiza sentungelwano.
Onke amaphepha angamanye oxwebhu ongezelelwe kwifom yesiBheno sangaPhakathi kufuneka asayinwe ngumbheni.
Ifom yesiBheno sangaPhakathi ezalisiweyo kufuneka ithunyelwe kwiSekela leGosa leNgcaciso leSebe leziNdlu leSizwe, ngenye yezi ndlela zilandelayo:
ngeposi, uyithumele kwidilesi echaziweyo;
ngokuyisa buqu kwiZiko lokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi, ngokuthi inikezelwe kwidilesi yesitalato echaziweyo okanye ngokuyithumela ngefeksi.
Kucetyiswa ukuba umenzi-sicelo azigcinele ikopi yefom yesiBheno sangaPhakathi asifakileyo.
Kuya kwenzeka oku kulandelayo kusakube kufakwe isiBheno sangaPhakathi:
ISekela leGosa leNgcaciso kufuneka lisinikezele isiBheno sangaPhakathi kuSomagunya ofanelekileyo zingaphelanga iintsuku ezili-10.
KuSomagunya ofanelekileyo kufuneka azise elinye iqela/ amanye amaqela achaphazelekayo ngokukhawuleza, kodwa zingaphelanga iintsuku ezingama-30, ngeyona ndlela ikhawulezileyo, emva kokuba efumene isiBhene sangaPhakathi esifakwe ngumenzi-sicelo ngokwaliwa kwesicelo sokufikelela kulwazi. (PAIA-APP-02).
USomagunya ofanelekileyo kufuneka azise umenzi-sicelo ochaphazelekayo ngokukhawuleza, kodwa zingaphelanga iintsuku ezingama-30, ngeyona ndlela ikhawulezileyo, emva kokuba efumene isiBhene sangaPhakathi esifakwe liqela lesithathu/ngamaqela esithathu ngokuvunywa kwesicelo sokufikelela kulwazi. (PAIA-APP-03).
USomagunya ofanelekileyo kufuneka enze isigqibo ngesiBheno sangaPhakathi ngokukhawuleza:
zingaphelanga iintsuku ezingama-30 emva kokusifumana kwakhe kwiSekela leGosa leNgcaciso;
zingaphelanga iintsuku ezingama-30 emva kokuba iqela lesithathu okanye umenzi-sicelo azisiwe ngesiBheno sangaPhakathi;
Qaphela: Elinye iqela okanye umenzi-sicelo angathi, zingaphelanga iintsuku ezingama-21 emva kokuba exelelwe, enze inkcazo ebhaliweyo kuSomagunya ofanelekileyo ebeka izizathu ezifanele ukuba singavunywa ngazo isicelo okanye izizathu ezifanele ukuba sivunywe ngazo isicelo. ICandelo 7651.
okanye zingaphelanga iintsuku ezi-5 emva kokuba umenzi-sicelo enze inkcazo ebhaliweyo ngesiBheno sangaPhakathi esenziwe lelinye iqela /ngamanye amaqela.
Ukuba ulwazi ngesiBheno sangaPhakathi lufunyenwe ngendlela eyiyenye, ngaphandle koSomagunya ofanelekileyo, kufanele kwenziwe inkcazo ebhaliweyo okanye eyomlomo ithunyelwe kuSomagunya ofanelekileyo echaza isizathu sokuba kutheni isicelo sokufikelela kulwazi kufanele saliwe nje.
USomagunya ofanelekileyo angenza isigqibo:
esiqinisekisa isigqibo esingunobangela wesibheno okanye esitsha endaweni yeso sibe ngunobangela wesibheno.
Kuya kuthi ngokukhawuleza emva kokuba kuthathwe isigqibo ngesiBheno sangaPhakathi, kuthunyelwe isaziso esibhaliweyo esimayela nesigqibo:
Qaphela: Ukuba uSomagunya ofanelekileyo akasenzanga isaziso sesigqibo esithathiweyo ngesibheno kwiintsuku ezingama-30, kufanele kuqondwe ukuba isiBheno sangaPhakathi sichithiwe, kwaye umenzi-sicelo angafaka isicelo kwinkundla yamatyala. ICandelo 777.
Isicelo esibhekiswa kwiNkundla yamatyala [iCandelo 78-82]
Isicelo esibhekiswa kwinkundla yamatyala singafakwa kwezi nkundla zilandelayo:
kwiNkundla yomGaqo-siseko;
kwiNkundla ePhakamileyo okanye kwenye inkundla enewonga elifana nayo okanye kwiNkundla kaMantyi echotshelwe ngumantyi otyunjwe ngembalelwano ngumPhathiswa wezobuLungisa.
Qaphela: [iCandelo 79]
IBhodi yemiGaqo yeeNkundla zomThetho kufuneka iqulunqe ize ifezekise inkqubo yemigaqo yenkundla kwaye le migaqo kufuneka yamkelwe yiPalamente phambi kokuba ibe nokupapashwa kwiGazethi.
Izicelo kufuneka zibhekiswe kwiNkundla ePhakamileyo okanye kwenye inkundla ekwanewonga elifana nayo ide ibe iqulunqiwe inkqubo yemigaqo.
Iinkqubo zesicelo ngokwemiqathango yecandelo 78 lomThetho ziinkqubo zembambano zoluntu, kwaye ngoko ke imigaqo yobungqina esebenza kwiinkqubo zembambano zoluntu iyasebenza kulo mThetho.
Umenzi-sicelo, umenzi-sicelo weenkcukacha zomntu okanye elinye iqela bangafaka isicelo kwinkundla yamatyala kuphela emva kokuba beyilandele yonke inkqubo.
Umenzi-sicelo, umenzi-sicelo weenkcukacha zomntu okanye zelinye iqela basenokufaka isicelo sokufumana isiqabu esifanelekileyo kwinkundla yamatyala zingaphelanga iintsuku ezingama-30.
Umenzi-sicelo okanye umenzi-sicelo weenkcukacha zomntu bangafaka isicelo kwinkundla yamatyala ngezi zizathu zilandelayo:
xa bengaphumelelanga kwisiBheno sangaPhakathi abasenze kuSomagunya ofanelekileyo, kuqukwa neziBheno zangaPhakathi apho uSomagunya ofanelekileyo aye wasilela ukunika isaziso ngexesha elibekiweyo;
ngesigqibo sikaSomagunya ofanelekileyo sokungasivumi isiBheno sangaPhakathi esifakwe emva kwexesha elibekiweyo;
ngesigqibo seSekela leGosa leNgcaciso sokwala isicelo sokufikelela kulwazi;
ngesigqibo esithathiweyo esiphathelele kwintlawulo yemali yesicelo, imali yokufikelela kulwazi okanye idipozithi yemali yokufikelela kulwazi okanye ngesigqibo esithathiweyo esiphathelele ekuvunyweni kwesicelo sokufikelela kulwazi kodwa ngendlela eyahlukileyo kunaleyo bekucelwe yona.
Elinye iqela lisenokufaka isicelo kwinkundla yamatyala ngezi zizathu zilandelayo:
xa bengaphumelelanga kwisiBheno sangaPhakathi abasenze kuSomagunya ofanelekileyo, kuqukwa neziBheno zangaPhakathi apho uSomagunya ofanelekileyo aye wasilela ukunika isaziso ngexesha elibekiweyo;
ngesigqibo seSekela leGosa leNgcaciso sokuvuma isicelo sokufikelela kulwazi;
ngesigqibo seSekela leGosa leNgcaciso sokwala isicelo sokufikelela kulwazi;
ngesigqibo esithathiweyo esiphathelele kwintlawulo yemali yesicelo, imali yokufikelela kulwazi okanye idipozithi yemali yokufikelela kulwazi okanye ngesigqibo esithathiweyo esiphathelele ekuvunyweni kwesicelo sokufikelela kulwazi kodwa ngendlela eyahlukileyo kunaleyo bekucelwe yona.
Inkundla yamatyala ingakhupha nawuphi na umyalelo wenkundla osebulungiseni kuqukwa nale miyalelo ilandelayo:
Ukuqinisekisa, ukulungisa okanye ukuchitha isigqibo sesiBheno sangaPhakathi;
Ukuba iGosa leNgcaciso, iSekela leGosa lengcaciso okanye uSomagunya ofanelekileyo athathe inyathelo okanye azikhwebule ekuthatheni inyathelo ngethuba elikhankanywe kumyalelo lowo;
Inike umyalelo othintelayo;
Inike umyalelo wesiqabu sexeshana okanye isiqabu esithile;
Inike umyalelo omisela imbuyekezo;
Umyalelo ophathelele kwiindleko.
Izikhalazo ezibhekiswa kuMkhuseli woLuntu [iCandelo 91]
Ngokwemiqathango yecandelo 649d yomThetho woMkhuseli woLuntu, njengoko ulungisiwe, uMkhuseli woLuntu ngumntu onesakhono sokuphanda ngokubona kwakhe okanye xa athe wafumana isikhalazo okanye isicelo esiphathelele kumsebenzi okanye kulawulo lomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi, aze azame, ngokubona kwakhe, ukusombulula nayiphi na impikiswano ngokulamla, ngokuxolelanisa okanye ngothethathethwano, nangokucebisa nawuphi na ummangali ngamanye amanyathelo afanelekileyo anokuwathatha okanye amcebise ngenye indlela.
Enye ingcaciso esekelwe kwimiqathango yomThetho
Ukuhlaziywa kwesiKhokelo iCandelo 142
IsiKhokelo seSebe leziNdlu leSizwe siya kuhlaziywa kanye ngonyaka ngenyanga yoKwindla (Matshi), ngaphandle kwemeko yeenguqulelo ezibanzi.
Ukufumaneka kwesiKhokelo noLwimi lwesiKhokelo iCandelo 141 nelesi-3
Ulwimi
Ngokwemiqathango yomMiselo No. R.187 womhla we-15 kweyoMdumba (Februwari) 2002, icandelo 4 , isiKhokelo seSebe leziNdlu leSizwe sifumaneka ngezi lwimi zilandelayo neziya kupapashwa kwiGazethi kaRhulumente:
Ezinye iilwimi ezimbini ekuseza kuthathwa isigqibo ngazo.
Ukufumaneka kwesikhokelo
KwiSebe leziNdlu leSizwe
Ikopi yesikhokelo engolwimi lwesiNgesi ifumaneka kwiSebe leziNdlu leSizwe (iZiko lomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi) kubantu bonke ukuze bazifundele, ngamaxesha omsebenzi. Akukho mali ikhutshwayo ngesiKhokelo xa abantu beza kuzifundela, kodwa ngekopi okanye ngenxalenye yayo, kubizwa imali echazwe kumhlathi oqulathe imali.
Inombolo yefowuni:
Idilesi yemeyile:
Idilesi yeposi:
Idilesi yesitalato:
Iiyure zomsebenzi:
Kwiindawo zedipozithi ezisemthethweni:
Inombolo yefowuni:
Idilesi yemeyile:
Idilesi yeposi:
Idilesi yesitalato:
Inombolo yefowuni:
Idilesi yemeyile:
Idilesi yeposi:
Idilesi yesitalato:
Inombolo yefowuni:
Idilesi yemeyile:
Idilesi yeposi:
Idilesi yesitalato:
IThala leeNcwadi leSizwe loMzantsi-Afrika, iCandelo laseKapa
Inombolo yefowuni:
Idilesi yemeyile:
Idilesi yeposi:
Idilesi yesitalato:
IThala leeNcwadi leSizwe loMzantsi-Afrika, iCandelo lasePitoli
Inombolo yefowuni:
Idilesi yemeyile:
Idilesi yeposi:
Idilesi yesitalato:
IKhomishoni yamaLungelo oLuntu
Ikhomishoni yamaLungelo oLuntu yoMzantsi-Afrika
Inombolo yefowuni:
Idilesi yemeyile:
Idilesi yeposi:
Idilesi yesitalato:
KwiGazethi kaRhulumente
Isakube iKhomishoni yamaLungelo oLuntu isamkele isikhokelo somThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi seSebe leziNdlu leSizwe, iya kuthunyelwa kwiGazethi kaRhulumente ukuba ishicilelwe.Lo mhlathi uya kuthi uhlaziywe ngesalathiso esichaphazelekayo seGazethi kaRhulumente.
Isicelo esibhekiswa kumPhathiswa wezobuLungisa noPhuhliso lomGaqo-siseko sokuqulunqwa kwesiKhokelo ICandelo 144
Eli candelo alisetyenziswa kwiSebe leziNdlu leSizwe.
Ukukhululwa okwenziwa ngumPhathiswa wezobuLungisa noPhuhliso lomGaqo-siseko iCandelo 145
Akukho kuxolelwa kuwo nakuwuphi na umqathango wecandelo 14, okwexeshana elimiselweyo, okuye kwafunyanwa kumPhathiswa wezobuLungisa noPhuhliso lomGaqo-siseko.
IZalathiso neMibulelo
Esi sikhokelo siyilwe ngokungqamelana:
Nezikhokelo ezikwisiCwangciso somSebenzi wamaqumrhu karhulumente ngokwemiqathango yecandelo 14 eyilwe yiKhomishoni yamaLungelo oLuntu loMzantsi-Afrika.
UmThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi, umThetho 2 we-2000
Iincwadi zeSebe leziNdlu leSizwe.
Isihlomelo A: IFom yesiCelo sokuFikelela kwiNkcazelo eselugcinweni yomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi yeSebe leziNdlu leSizwe (iQumrhu likaWonke wonke)
IsiNgesi siya kuba lulwimi lonxibelelwano olusesikweni.
Inombolo yesalathiso sesicelo somThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi: PR/200-----/-----------(Mayisetyenziswe yi-ofisi kuphela)
a Umceli kufuneka athobele zonke iimfuno ezisemgaqweni. Uyakwaziswa ngokungathobeli ezo mfuno.
b Zonke iindawo ezichaphazelekayo zinyanzelekile - mazizaliswe ngosiba olumnyama
A. Iinkcukacha zequmrhu likarhulumente
Thumela okanye uzise ifom yesicelo sakho kule dilesi:
Iinkcukacha zoqhagamshelwano zeZiko lomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi
Idilesi
Idilesi yesitalato xa uyizisa ngokwakho
Amaxesha omsebenzi
Amaxesha ombali- mali
B. Iinkcukacha zomntu ocela ukufikelela kwinkcazelo eselugcinweni a Iinkcukacha zomntu owenza isicelo sokufikelela kwinkcazelo mazichazwe apha ngezantsi.
b Idilesi kunye/okanye nenombolo yefeksi apho iza kuthunyelwa khona inkcazelo mayichazwe c Ubungqina besikhundla somntu owenza isicelo, xa sikho, malifakwe.
d Imali yesicelo ehlawulwa ngumenzi-sicelo ngaphandle komenzi-sicelo weenkcukacha zomntu, ekubhekiselelwe kuye kummiselo 112, ingama-R35,00
e Imali yesicelo kufuneka ihlawulwe phambi kokuba siqwalaselwe isicelo eso.
Ingaba (a): (Phawula ibhokisi engwevu efanelekileyo ngo-x)
Umenzi-sicelo weenkcukacha zomntu (ofuna ukufikelela kwinkcazelo eselugcinweni emalunga nomntu )
Qaphela: Nceda ufake ikopi yesazisi sakho ukukhusela ukukhutshwa kweenkcukacha zomntu.
Umenzi-sicelo (umntu owenza isicelo sokufikelela kwinkcazelo eselugcinweni lweSebe leziNdlu leSizwe).
Umenzi-sicelo weQumrhu likaWonke wonke (ngawo kuphela loo maqumrhu kawonke wonke asebenzisa amagunya kawonke wonke okanye enza umsebenzi kawonke wonke ngokwemiqathango yomthetho).
Ukwenza isicelo egameni lomnye umntu (umntu owenza isicelo egameni lomnye umntu)
Ifani:
Amagama apheleleyo:
Inombolo yesazisi: Qaphela: Nceda ufake ikopi yesazisi sakho ukunqanda ukukhutshwa kweenkcukacha zomntu.
Idilesi
Ikhowudi:
Inombolo yefeksi: ( ) Inombolo yefowuni (emsebenzini)
Inombolo yefowuni (ekhaya) ( )
C. Inkcukacha zomntu owenzelwa isicelo c Eli candelo malizaliswe KUPHELA ukuba isicelo senzelwa omnye umntu.
d Ubungqina besikhundla somntu owenza isicelo, umzekelo, njengengxelo efungelweyo okanye ilungelo elisemthethweni mabufakwe.
Isikhundla esenziwe kuso isicelo, xa sisenzelwa omnye umntu : (Nceda ubonakalise)
Umzali, umongi, igqwetha, ugqirha, umntwana, umhlolokazi, umhlolo, iqabane, ezinye (cacisa);
Ifani:
Amagama apheleleyo:
Inombolo yesazisi:
Nceda ufake ubungqina besikhundla esenziwa kuso isicelo.
D. Iinkcukacha zenkcazelo eselugcinweni a Balula inkcukacha ezipheleleyo zenkcazelo leyo isicelo senziwa kuyo, kunye nenombolo yesalathiso ukuba uyayazi, kunye/okanye iSebe/necandelo lolawulo/umntu nendawo apho igcinwe khona inkcazelo leyo, ukuze ikwazi ukufumaneka lula.
b Ukuba isithuba esinikiweyo asonelanga, nceda ugqibezele kwiphepha elahlukileyo uze ulifake kule fom. Umenzi-sicelo makasayine onke amaphepha ongezelelweyo.
c Cacisa ngokwaneleyo
Inombolo yesalathiso, ukuba ikho: ...
ISebe/iCandelo lolawulo/umntu apho irekhodi ligcinwe khona (ukuba uyayazi)
Ingaba yayikhe yafumaneka imvume ebhaliweyo ngaphambili komnye umntu/kwabanye abantu. (Nceda ufake ikopi eqinisekisiweyo yaloo mvume yayifumanekile)
EWE
HAYI
b Isicelo sokufikelela kwirekhodi eselugcinweni, ngaphandle kwerekhodi equlathe iinkcukacha zomntu, iya kuqwalaselwa kuphela emva kokuba kuhlawulwe imali yesicelo.
c Ukuqwalaselwa kwesicelo kuya kuqalisa kuphela emva kokuba kufumaneke intlawulo yemali yesicelo xa ikho d Ukuba intlawulo ayifumanekanga, uya kwaziswa ngemali yesicelo efunekayo.
e Imali ehlawulwayo ngesicelo sokufikelela kwirekhodi eselugcinweni ixhomekeke kwindlela efuneka ngayo inkcazelo leyo nexesha eliya kuthathwa ukuyikhangela nokuyilungisa inkcazelo leyo.
f Cacisa ukuba akumele kuhlawuliswa imali yaso nasiphi na isicelo uze unike nesizathu sokuba ungahlawuliswa.
Indlela yentlawulo: (Phawula kwibhokisi efanelekileyo engwevu ngophawu-x )
Imali
Isitampu sengeniso
Itshekhi
Isizathu sokuba ungahlawuliswa umrhumo:
F. Ifom yokufikelela kwincwadi eselugcinweni a Ukuthotyelwa kwesicelo sakho sokufikelela kwrekhodi eselugcinweni kuya kuxhomekeka kwimo ekuyo incwadi leyo.
b Ukufikelela kulwazi ngendlela ekucelwe ngayo kusenokwaliwa ngezizathu ezithile. Ukuba kunjalo uya kwaziswa nokuba ulwazi olo lungafumaneka ngendlela engenye.
c Imali ehlawulwayo yokufikelela kulwazi, ukuba ikho, iya kuxhomekeka kwindlela ecelwe ngayo inkcazelo.
d Ukuba inkcazelo ayifumaneki ngolwimi ecelwe ngalo okanye umenzi-sicelo akacacisanga ukuba uyifuna ngaluphi na ulwimi, inkcazelo leyo iya kukhutshwa ngolwimi olo ifumaneka ngalo [icandelo 31].
e Imali yokukhangela nokulungisa inkcazelo eceliweyo yi- R15.00 ngeyure okanye ngaphantsi kweyure ngaphandle kweyure yokuqala.
Phawula ngophawu u-x kwibhokisi efanelekileyo
Ukuba ingxelo ibhaliwe okanye ishicilelwe:
Imali yokufikelela:
Ikopi nganye eyenziweyo ebukhulu bungu-A4 = R0,60
Ukuphengululwa kwerekhodi kwiZiko lomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi (akuhlawulelwa)
Ikopi yenkcazelo ukuba ingxelo inemifanekiso:
Imali yokufikelela:
Ikopi yemifanekiso R60,00
Ukukhutshelwa kwemifanekiso kwiphepha elingu-A4 okanye kwinxalenye yalo R22,00
Ukuphengululwa kwerekhodi kwiZiko lomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi (akuhlawulwa)
Ikopi yemifanekiso
Imifanekiso ekhutshelweyo*
Ukuba inkcazelo iqulathe amazwi okanye inkcazelo enokukhutshelwa ngesandi:
Imali yokufikelela:
Ikopi yenkcazelo erekhodishiweyo R17,00
Ukubhalwa kwenkcazelo erekhodishiweyo, ebukhulu bungu-A4 R12,00
ukuphulaphula isandi (sekhasethi) kwiZiko lomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi (akuhlawulelwa)
Isandi esikhutshelweyo sibhalwe okanye sishicilelwe
Ukuba inkcazelo ikwikhompyutha okanye kwisixhobo sombane okanye kumatshini:
Ikopi nganye eshicilelwe kwiphepha elibukhulu bungu-A4 okanye inxalenye yalo egcinwe kwikhompyutha okanye kumatshini R0,40
Qaphela: Iikopi ezikwizixhobo zombane zingakhutshelwa kuphela kwimo ezifumaneka ziyiyo kwiSebe leziNdlu leSizwe.
Ikopi yencwadi eshicilelweyo
Ikopi yengcaciso efumaneke encwadini
G. Indlela yokuhambisa inkcazelo eceliweyo
Imali yokuposa kufuneka ihlawulwe ukuze zibe nokuposwa iikopi
Ewe
Hayi
Ikopi eceliweyo okanye ekhutshelweyo yencwadi iza kulandwa
Ewe
Hayi
H. Ulwimi
Kufuneka ibe ngaluphi ulwimi inkcazelo?
Qaphela: Ukuba inkcazelo leyo icelwayo ayikho ngolwimi olo luceliweyo, inkcazelo iya kukhutshwa ngolwimi ebhalwe ngalo.
I. Ukukhubazeka
Ukuba uthintelwa akunakho ukufunda, ukumamela nokujonga incwadi leyo ifumanekileyo ku 1-4 ngentla apha ngenxa yokukhubazeka onakho, cacisa uhlobo okhubazeke ngalo ucacize nendlela oyifuna ngayo inkcazelo leyo.
Ukukhubazeka
Imo efuneka ngayo inkcazelo
J. Isaziso ngesigqibo esimalunga nesicelo sokufikelela kulwazi
Uya kwaziswa ngembalelwano ukuba isicelo sakho sivunyiwe okanye sikhatyiwe. Ukuba lukhona olunye uhlobo ofuna ukwaziswa ngalo, nceda ucacise uhlobo olo kwaye uqinisekise ukuba iinkcukacha ezifanelekileyo zikhona zonke ukwenzela ukuba isicelo sakho siphunyezwe ngokufanelekileyo.
K. Isaziso ngesigqibo sesicelo sokufikelela kulwazi
Cacisa indlela (ngaphandle kweposi) ofuna ukuxelelwa ngayo isigqibo esithe sathatyathwa ngokphathelele kwisicelo sakho sokufikelela kulwazi kwirekhodi? (Qinisekisa ukuba uzifakile zonke iinkcukacha ezifunekayo kumhlathi B ngasentla).
Phawula ibhokisi engwevu ibe nye ngophawu x
Ifowuni (emsebenzini)
Ifowuni(ekhaya)
Ifeksi
Isayinwe e(indawo) ngalo mhla 20
INTSAYINO-GAMA YOMENZI-SICELO / UMNTU OWENZELWA ISICELO
Qaphela: Ixesha elimiselweyo leentsuku ezingama-30 lokuqwalasela isicelo lisenokwandiswa kangangezinye iintsuku ezingama-30. Xa usayina apha uya kube uyavuma ukuba isicelo sakho sinokwandiswa ukusuka kwiintsuku ezingama-30 ukuya kwezingama- 60.
INTSAYINO-GAMA YOMENZI-SICELO / UMNTU OWENZELWA ISICELO
IYA KUSETYENZISWA LISEBE KUPHELA
INombolo yesaLathiso sesiCelo somThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi yeSebe leziNdlu leSizwe: PR/200 /
Isicelo esifunyenwe ngegama nefani leGosa leNgcaciso/leSekela leGosa leNgcaciso:
Isikhundla
Indawo
Imali yesicelo (xa ikho) R Inombolo yerisithi ...
Imali yokufikelela kulwazi:
Idipozithi (ukuba ikhona) R inombolo yerisithi
Intsayino-gama yeGosa leNgcaciso/iSekela leGosa leNgcaciso
IsiHlomelo B: ISebe leziNdlu leSizwe : iFom yeSaziso sesiBheno sangaPhakathi somThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi
Ulwimi olusemthethweni iya kuba sisiNgesi
Inombolo yesaLathiso sesiBheno sangaPhakathi somThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi: PR/200-----/-----------(Isetyenziswa yi-ofisi kuphela)
CHAZA INOMBOLO YESALATHISO SESICELO SOMTHETHO WOKUKHUTHAZA UKUFIKELELA KULWAZI YESEBE LEZINDLU LESIZWE
Zonke iindawo ezichaphazelekayo zinyanzelekile - mazizaliswe ngosiba olumnyama
Thumela okanye uzise ifom yesiBheno sangaPhakathi sakho kule dilesi:
Iinkcukacha zoqhagamshelwano zeZiko lomThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi
Idilesi
Idilesi yesitalato xa uyizisa ngokwakho
Amaxesha omsebenzi
Amaxesha okuhlawula
B. Iinkcukacha zomenzi-sicelo/umntu ongomnye ofaka isiBheno sangaPhakathi:
Ingaba: (Phawula ngophawu x kwibhokisi engwevu)
Ungumenzi-sicelo weenkcukacha zomntu ofaka isibheno sangaphakathi Qaphela: Nceda ufake ikopi yesazisi sakho ukuthintela ukudizwa ngokugwenxa kwenkcazo yomnye umntu.
Ungumenzi-sicelo ofaka isiBheno sangaPhakathi
Ungumenzi-sicelo weQumrhu likaWonke wonke ofaka isiBheno sangaPhakathi
Ungumenzi-sicelo ofake isicelo egameni lomnye umntu ofaka isiBheno sangaPhakathi
Umntu ongomnye (owaziswe liSebe leziNdlu leSizwe) ofaka isiBheno sangaPhakathi esiphikisa ukuvunywa kwesicelo sokufikelela kulwazi.
Umntu ongomnye (ongaziswanga liSebe leziNdlu leSizwe) ofaka isiBheno sangaPhakathi esiphikisana nokuvunywa kwesicelo sokufikelela kulwazi, umz. umenzi-sicelo ufumene imvume komnye umntu / kwabanye abantu.
a Iinckukacha zomntu ofaka isibheno sangaphakathi mazinikwe apha ngezantsi b Isiqinisekiso sesikhundla somntu ofaka isibheno, ukuba sikhona, masifakwe.
Ifani:
Amagama apheleleyo:
Inombolo yesazisi: Qaphela: Nceda ufake ikopi yesazisi sakho ukuthintela ukuthunyelwa kwenkcazelo kumntu ongenguye.
Idilesi:
Ikhowudi:
Ifowuni ekhaya: Iselula:
Idilesi yeMeyile
Isikhundla akuso owenza isicelo xa sisenziwa egameni lomnye umntu: (Cacisa) Umzali, umgcini, igqwetha, ugqirha, umntwana, umhlolokazi, umhlolo, iqabane, (cacisa)
Nceda ufake ubungqina besikhundla esenzelwa kuso isicelo.
C. Iinkcukacha zomceli eziphikisana nomntu ongomnye ofaka isiBheno sangaPhakathi.
Eli candelo malizaliswe KUPHELA xa ungumntu ongomnye (ngaphandle komceli) ofaka isiBheno sangaPhakathi
Ifani:
Amagama apheleleyo:
Inombolo yesazisi:
D. Isigqibo esingunozala wokufakwa kwesiBheno sangaPhakathi (Unobangela wesiBheno sangaPhakathi)
Phawula ibhokisi engwevu ngophawu u-x ubonakalise isigqibo esifakelwa isiBheno sangaPhakathi:
Ukwaliwa kwesicelo sokufikelela kulwazi (ukuba iSekela leGosa leNgcaciso alikwazanga ukukhupha isigqibo ngexesha elisikiweyo)
Ukwala ukunika isicelo sokufikelela kulwazi
Isigqibo malunga nemali yesicelo emiselwe ngokwecandelo 22 lomThetho
Isigqibo malunga nedipozithi yemali emiselwe ngokwecandelo 22 lomThetho
Isigqibo malunga nemali yokufikelela kulwazi (ukukhutshelwa, uphando, nokulungiswa) emiselwe ngokwemiqathango yecandelo 22 lomThetho
Isigqibo esiphathelele ekwandisweni kwexesha esinokuqwalaselwa ngalo isicelo ngokwemiqathango yecandelo 26 lomThetho
Isigqibo sokwala isicelo sokufikelela kulwazi ngokwemiqathango yecandelo 29 lomThetho, ngokwemo esicelwe kuso ngumenzi-sicelo
Isigqibo sokuvuma isicelo sokufikelela kulwazi
E. Izizathu zokufaka isiBheno sangaPhakathi (izizathu zesibheno sangaphakathi)
Ukuba ifomu oyinikiweyo ayanelanga, nceda ugqibezele kwelinye iphepha uze ulifake iphepha elo kule fom.
Sayina onke amaphepha ongeziweyo.
Chaza izizathu ezisekelwe kuzo isiBheno sangaPhakathi, (faka inkcazelo ethe vetshe kwizizathu zakho zokufaka isiBheno sangaPhakathi):
Chaza lonke ulwazi olwaziwa ngumbheni elinokunceda ekuqwalaselweni kwesibheno:
F. Isaziso sesigqibo sesiBheno sangaPhakathi
Uya kwaziswa ngembalelwano (eya kuthunyelwa ngeposi) ngesigqibo malunga nesiBheno sangaPhakathi. Ukuba unomnqweno wokuba waziswe ngenye indlela, nceda usazise loo ndlela kwaye usazise nangeenkcukacha ezifanelekileyo ukwenzela ukuba isicelo sakho siphunyezwe.
G. Isaziso ngesigqibo sesiBheno sangaPhakathi
Chaza indlela (ngaphandle kweyeposi) oya kuthanda ukuba waziswe ngayo ngesigqibo esimalunga nesicelo sakho sokufikelela kulwazi olusencwadini (qinisekisa ukuba uzifakile zonke iinckukacha kumhlathi B ngentla).
Phawula ibhokisi engwevu efanelekileyo ibe nye ngophawu x
Ifowuni (yasemsebenzini)
Ifowuni (yasekhaya)
I-imeyile
Ifeksi
Indawo esayinwe kuyo Umhla 20
INTSAYINO-GAMA YOMBHENI
EYOKUSETYENZISWA LISEBE KUPHELA : INCWADI ESEMTHETHWENI YESIBHENO SANGAPHAKATHI
ISebe leziNdlu leSizwe: inombolo yesaLathiso sesiBheno sangaPhakathi somThetho wokuKhuthaza ukuFikelela kuLwazi: PA/200 /
IsiKhundla
E-: (Indawo)
Isibheno sihamba :
nezizathu zesigqibo seGosa leNgcaciso/iSekela leGosa leNgcaciso, kwaye, apho kufanelekileyo khona, iinkcukacha zomntu ongomnye enxulumene naye inkcazelo ekwirekhodi, efakwe liGosa leNgcaciso/iSekela leGosa leNgcaciso kusomagunya ofanelekileyo:
Isibheno sifunyenwe ngu- : (iFani neGama likaSomagunya oFanelekileyo):
IsiKhundla:
Indawo:
ISIPHUMO SESIBHENO:
ISIGQIBO SEGOSA LENGCACISO/SESEKELA LEGOSA LENGCACISO SIPHAKANYISIWE.
KUFIKELELWE KWISIGQIBO ESITSHA
IFUNYENWE LIGOSA LENGCACISO/LISEKELA LEGOSA LENGCACISO SISUKA KUSOMAGUNYA OFANELEKILEYO
